Baxhamle kwakhona kwisikolo sase Nyanga eNgcobo
31 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Isikolo samabanga aphakamileyo iNyanga eNgcobo sithe sanikezwa i-computers yiNkampani yakwa Telcom ibambisene notata uMondli. Gungubele osuka kula Ofisi ka President uRamaphosa kwicala lozonxibelelwano. Akaqali ukutyelela kwisikolo esi uGungubele. Ezi computers zithe zongezwa nanjengoko bezikhona ezikhoto phantsi kwenjongo zokunceda abantwana bayazi icomputer besekulamabanga Ibeluvuyo okukhulu kubafundi bephinda ukongezelwa ezi computer kuba inani labafundi nalo liya lisenyuka.
Ongumfundi u Asavela Mgoqi uthi ukufika kwezi computer kubavuyisa ngenene kuba bazofumana ithuba elaneleyo lokuzifunda. “Yonke ngoku into esikolweni idinga ubuxhakaxhaka balemihla sonwabile xasibona zisongezwa kuba asoneli uthi usenza umsebenzi wakho libe liphelaixesha omnye umfundi ejonge baye ukuqhuba enze owakhe, sabulela kwinkokheli ezimana ukusicinga ngamaxesha onke, siyawuncoma umsebenzi wabo bonke abantu abathe gqolo ukuza kwisikolo sethu bezokwenza umahluko,“ utshilo uMgoqi.
Ongumphathiswa kwelacala lezonxibelelwano uGungubele uthi ukuza kwisikolo awayefunde kuso kokona kumonwabisa kakhulu kuba ukuphuhliseka kwezikolo ababefunde kuzo kudala nezisaqhubayo nangoku kumenza abenelunda. Ukuzonyathela kwesisikolo ndibambisene nenkampani uTelkom kundenza ndingakwazi nokuthetha, kodwa ndizokhuthaza abantwana ukuba baqiniseke ngokufunda incwadi zabo kuba elilizwe libi kakhulu ngoku abantu bafuna izinto eziza luka kubo, sizokhuthaza abantwana ukuba bangalibali zizinto ezizakumoshaikamva labo nezo zifana neziyobisi bazimisele apha esikolweni qha, nabo bazakuthi basebenzise ezi computer baziphathe kakuhle ukuze nabezayo bakwazi ukuxhamla kuzo,“ utshilo uGungubele.
Oyinqununu kwisikolo sase Nyanga uButshingi wenze omkhulu umbulelo kulolonke igqiza elithe latyelela kwisikolo esithi ukuba inxaso yabantu bangaphandle ibingamane ifika isikolo esi ngesingekho kwizinga esikulo namhlanje, uthi umsebenzi owenziwa ngabantu kwisikolo awuthetheki. “ Sixhaswa mihla le siyavuya siyabulela sithi kubafaki sandla kwande apho bathatha khona,“ utshilo uButshingi. Amalungu akwikomiti elawula isikolo akuqhwabele izandla oku kuba kutyhilwe nelitye elichazayo ukuba ubuxhakaxhaka balemihla bukhona kwisikolo esi.


