Iphinde yabanjwa indoda enomkhwa wokubulala abathandana nayo
13 EyoMbumba (Feb) 2025 – 26 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
UBongile Makhunga (32) wagwetyelwa ukubulala isithandwa sakhe, uphuma kwakhe ngengqawuza waphinda wabulala esinye. Ngomnyaka wama-2016 uBongile wabulala isinqanda mathe sakhe waze wagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu,waze wakhutshwa ngengqawuza ngenxa yokuziphatha kakuhle ejele. Kunyaka ophelileyo uye wabulala uZintle Cebani owayengumfundi kwiKholeji yaseIngwe kwaBhaca.
Ngokwengxelo ekhutshwe nguLuxolo Tyali othethela iGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Kapa, kuvakala ukuba uBongile watsalela umnxeba uZintle ngelithi makamngwengwele kwindawo ahlala kuyo, nanjengoko uZintle wayehlala kwindawo ehlala abafundi.UZintle wala ukundwendwela uBongile ngelithi usaxakeke ngumsebenzi wesikolo.
UBongile waya kumcela kwindawo ahlala kuyo,Kweso sithuba wakhupha ibhozo wamgwaza wambulala akugqiba wabaleka. Ekubalekeni kwakhe udibene nendoda eyayilahla inkunkuma ihamba ngemoto. Le ndoda yashiya imoto yayo iduma lo gama isalahla inkunkuma; kulapho uBongile wafika wahlasela le ndoda ze wangena emotweni wabaleka nayo.
Uthe esabaleka imoto yabhukuqa kwaze kwafika amapolisa esavaleleke ngaphakathi kuleyo moto atsho ambamba. Yonke loo nto iphinde yambuyisela ejele nalapho iNkundla yaMatyala ePhakamileyo eMthatha imthe nkaa ngesigwebo sobomi entolongweni ngokubulala uZintle Cebani waze wanikwa iminyaka elishumi elinesibini ngokuzama ukubulala, wagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu ngokuxhomisa,wagwetywa iminyaka emithathu yokuqhuba ngokungenankathalo nenyanga ezintathu zokuqhuba engenamaphepha okuqhuba.
ULuxolo Tyali wongeze ngelithi okumvuyisayo kukuba eli tyala lithathe iinyanga ezintathu ukuba ligwetywe, nanjengoko konke oku kwenzeke ngenyanga yeKhala kunyaka ophelileyo.


