IMDB YENZE UPHANDO NGE-KSD
16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Monwabisi Khininda
MTHATHA
IMunicipal Demarcation Board kutsha nje ihlangene nomasipala waseKing Sabata Dalindyebo izokuhlola ukulungela kwalo masipala ukuba abeyiMetro kunyaka ka-2026. IKSD isifake kunyaka ophelileyo ngoMatshi, isicelo sokuba lo masipala onyuselwe kwinqanaba lokuba yiMetro. Isithethi seMDB uBarileng Dichabe uthe yinkqubo yale bodi ukuba indwendwele umasipala izoqonda ngemiba ethile ekufuneka iphendulekile phambi kokuba kuqwalaselwe isicelo eso.Uhambise wathi ibhodi izakuhlalela esi sicelo ngoDisemba walo nyaka.
Uthe xa sele siqwalaselwe isicelo isigqibo sizopapashwa kwigazethi yephondo ukuze uluntu luthathe isigqibo. “Abo bachaseneyo nesigqibo sebhodi kufuneka befake iinkcukacha zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amabini ananye iphumile igazethi.Emva kokunikwa ingqwalasela ibhodi izophinda ihlale ithathe esona sigqibo sizakuthi silandelwe,zee so sigqibo sikhutshwe kwigazethi kaJanwari 2024. Kwisicelo seKSD kucelwa ukuba idolophu yaseXhorha ibephantsi kwaleMetro ecetywayo iphume kumasipala wasekuhlaleni waseMbhashe nakumasipala wesithili waseAmathole.Kwa kwesi sicelo kufakwe isicelo sokuba iiwadi ezintathu zikhutshwe kumasipala waseMhlontlo uwadi-2, 4 no5, ze kuhlonyelwe e-KSD iiwadi ezine eziphantsi komasipala wasekuhlaleni waseNyandeni. Ezo wadi zizohlonyelwa kwi-KSD nguwadi 10,11,12 no13 izilali ezimelene noMthatha.
USodolophu waseKing Sabata Dalindyebo uNyaniso Nelani ulwamkele ngothakazelelo utyelelo lwamalungu ebhodi kulo masipala. Sikholelwa ekubeni esi sisiqalo sobambisano kwimizamo yethu yokuphucula uluntu lwale ngingqi.

