Arts & CultureCommunityLocalNews

‘Mabaye bephila babuye bephila

16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Yonela Mpaka

CALA 

Umasipala wase Chrishani ububambe iIndaba  iibintsukumbini kwidolophu yase Cala. Eli liphulo elikhweba ukuba amakhwenkwe mawaye ephila esuthwini abuye ephila. Amasebe ohlukeneyo inkosi amagqirha kwakunye nabazali bebeyinxalenye yale Indaba. Inkosi zezona ziyalelwe kakhulu ukuba ziwujongisise lomcimbi nanjengoko amakhwenkwe elali ezohlukeneyo ethe gqolo ukulwa.Indaba le ibiqala ukhe ibanjelwe kwilali ezi. Inxaxheba edlalwa ngabazali yeyona igxininiswe kakhulu zizithethi zosuku.

Umcelimngeni wamakhwenkwe athi aye esuthwini amanye angabuyi amanye alahleke zezonye zengxaki ezithe zaqatshelwa kule Indaba utata uNkosi uDalimvula Mathanzima  uthi uyacela wonke umntu ekufuneka athathe uxanduva azinikele kuba lomsebenzi wokoluka kwabantwana ufuna inkathalo. “Sihlaba ikhwelo sifuna babuye bephila abantwana, asifuni kuziva kwabantu abahamba bayohlala emabhomeni beyomosha ,sicela abazali babahoye abantwana bangayobalahla phaya  gqiba bangabonakali,“ utshilo uNkosi uMathanzima.

Ibhunga letyalike phantsi kwenqubo yokuqoqwa kwezimilo nebelimelwe ngu Bhishop Mandila ubongoze wonke umntu ukuba athathe uxanduva kungabikho namnye umkhwetha otakuthi avelelwe yingxaki. “Sifuna ugxininisa phaya ebazalini ukuba baqiniseke ngokubasa abantwana kumaziko empilo phambi kokuba baye entabeni,sifuna xabebuya phaya bayazi ukuba bayobazintloko zamkhaya, asisafuni ukuphinda sive kuthwa  kukho abantu abayohlukumeza abantwana entabeni sifuna abantwana babuye bephila ,”utshilo uMandila.

Ongumzali onenkwenkwe eye esuthwini utata uSondlo Bafana uthi unethemba  lokuba umntwana wakhe uyakubuya kakuhle kungakhange kubekho ziphazamisi, uthi uyakuthi gqolo ukutyelela apho umntwana wakhe egcinwe khona.