AgricultureCrime & SafetyLocalNews

Kufunyenwe umhlambi wemfuyo yobusela kuQumbu

30 EyeNkanga 2023 – 30 EyoMnga 2023 – Monwabisi Khininda

QUMBU

Icandelo lamapolisa elilwa ubusela bemfuyo kuTsolo liqhube ugqogqo kwilali iNtshongweni kuQumbu apho lifunene khona iinkomo ezingamashumi amabini anesithathu, ubuncinane. Ngokutsho kwamapolisa ,iinkomo ezintandathu kweli nani sele zifanisiwe ngumninizo zaze zanikezelwa kuye. Kuvulwe ityala lophando ngezi nkomo zilishumi elinesixhenxe.

Zigcinwe kwindawo kamasipala  yokugcina imfuyo kuTsolo.Othethela amapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi amapolisa ecandelo elilwa ubusela bemfuyo  acela umntu olahlekwelwe yimfuyo ezinkomo atyelele amapolisa akuTsolo aze ephethe  zonke iincwadi eziyimfuneko azofanisa lo mhlambi.Amapolisa athi ukufunyanwa kwale mfuyo liqhinga lokuqinisa inzame zokulwa lo mkhuba ubukhulu becala esithi  usube imiphefumlo yabantu,kuba amasela awanyhwalazi ukuthatha umphefumlo womntu ongumqobo endleleni yawo yobusela.