“Yekani ukubika imphanga engoyoyenu kuFacebook” – Gobinamba
08 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda
Ngolo
UNkosi Gobinamba welelali yakuNgolo uyikhalimelele kabukhali into yabantu abakhwawuleza baxhome imiphanga ingakumbi engasiyo yakumawabo. UNkosi Gobinamba Ndamase ukuthethe oku ngethuba kuqhutywa inkonzo yesikhumbuzo ngoLwesithathu weveki ephelileyo,kwiholo yoluntu yakuNgolo, nebiqalise ngomngcelele ukusuka kwindawo yexhwayelo. Isikhumbuzo sika Odwa Magoda (25), Siphosethu Magoda (28), abezanayo, ibengu Sanelisiwe Cosa (26) kunye noMvuzo Mthintweni (30) nabathi baphulukana nemiphefumlo kwingozi yemoto eyasuba imiphefumlo yabantu abasibhozo kwindawo yaseMakhaphetshwini kuhola wendlela u-N2 kwiveki engaphaya kwale sisuka kuyo.
“Lo mphanga ndiwuva ngomntu oseKapa endazisa ngesihlobo sam esibhubhe kulangozi,ndileqe ndibuzise kowabo ndifike ingaziwa kwa lonto.Noko asiyondlela ephucukileyo nemnandi leyo yokuva umphanga wesihlobo sakho,uluntu malohlukane nalento ngumkhuba ombi nook; linda de abe uxhonywa likhaya,” kutsho uGobinamba.
Umama uNoxolo Mjuleni ongummelwane kaSanelisiwe Cosa umbalule nje ngomntwana obenembeko,enentsebenzo ezama nokuvusa ikhaya lakhe nanjengoko inguye yedwa obesebenza kowabo. “Ebesebenza njengetitshala encedisayo kwisikolo samabanga aphantsi eNtilini. Ngalomhla weshwangusha uphume kowabo eyokwenza iitloko elungiselela impangelo ngoMvulo. Akabuya ngeCawa ngoMvulo ikhaya labe licinga inoba ukwitshomi zakhe kodwa ebengumnqa kukuba angaya kwitshomi njani kuphangelwa de kwazofika ke umphanga ngoLwesibini. USanelisiwe ushiya ngasemva abantwana bakhe ababini abaneminyaka emithathu nemine ngokulandelelana.
Kanti ongudadebawo kubafana bakwaMagoda abezanayo uOdwa noSiphosethu uthe: “Into ebuhlungu ngabantwana bakabhuti kukufunda bathwale izidanga kanti bathwalela ingcwaba. Bemka besithi batsiba edolophini komnye wabahlobo babo kanti kubagqibelisa.” Into ekriphule izibilini kukungabuyi ngeCawa bephangela ngengakusa. Kuphinde futhi kuthi cwaka ngesokusa. Kaloku siqhele ukuva ngoSiphosethu enqonqoza ekhangela ukutya ngoba ebesithanda isisu sakhe ngoku sahlala kweso sithukuthezi akungabonakali.
Abazali babo baye baqalisa ukubakhangela kubahlobo babo ngoba iminxeba yabo ibingasabanjwa. Kanti kulandela umphanga wabo. Unina wabo kuse ehleli akasalali oko kwenzeka le nto. Osibhozo amaxhoba angcwatyiwe kule mpelaveki.

