Arts & CultureCommunityLocalNews

Iza kwenziwa indlela kwilali yaseNyaniso

18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Anele Raziya

Inkosi yelali yaseNyaniso (Mahlubi) eNgqushwa, uNosandi Mhlauli  ukhuthaze umasipala wabo ukuba aqhubeke nokuphuhlisa impilo zoluntu ezilalini nasezidolophini.

Ebethetha kwiveki ephelileyo ngexesha umasipala waseNgqushwa ebesazisa unokotraka ozakwenza indlela kwilali yaseNyaniso uqala kwiveki ezayo.

Ngomhla wesithandathu  kule nyanga umasipala waseNgqushwa uye wazise

unokotraka oza kwakha indlela engu gama oyi 5 khilomitha kwilali yase Nyaniso kwaward 6 nexabisa

Imali engange R3 399 650.00.

Unokontraka ekulindeleke ukuba enze umsebenzi  nguAlomna Construction & Plant Hire kwaye uzakuthi akhe indlela engumgama we khilomitha ezintlanu ubude, ukuvuleka kwayo kube zimitha ezintandathu. Iprojekthi iza kuthatha ixesha elingangenyanga ezintandathu kwaye kulindeleke ukuba ivelise amathuba emisebenzi ethutyana aqikelelwa kwishumi elinesine (14).

Unokotraka sele ezimisile i ofisi zakhe kule lali ngoku kulindeleke ukuba aqalise ukusebenza.

Akhona amalungu asibhozo wasekuhlaleni ekomiti aye onyulwa ukuba amele ilali ukugada inkqubela phambili yomsebenzi xa kusenziwa le ndlela ingumgama ozikhilomitha ezintlanu.

Usodolophu womasipala uSanga Maneli uye waphuwula ngokubaluleka ngokwenziwa kwale ndlela yelali yaseNyaniso.

“SinguMasipala sithe gqolo ukunikezela ngeenkonzo eziluncedo nezithi zizise utshintso eluntwini kwaye kuluvuyo kuthi xa sibona sibona uluntu lunomdla kwinkonzo esizisayo,” kutsho uManeli.

UManeli uye wayala unokotraka ngokulindelekileyo kuye kukuba enze umsebenzi ngendlela eyiyo kwaye awakhuwulezise kwezinyanga zintandathu zilandelayo.

Uqhube wathi kuluvuyo ukuba bakhona abahlali abazakufumana amathuba emisebenzi kule projekthi kwaye izakuncedisa nakwimeko yokhulisa uqoqosho lasekuhlaleni xa igqityiwe ukwenziwa.

Uthe basajonge phambili kwicala lophucula inkonzo kwaye uye wahlaba nokhwelo lokuba abaqhubi ezindleleni baziphathe kakuhle ngeeziholide zika disemba kwaye bahloniphe imithetho yezendlela yeli.