BusinessLocalNews

Kubhubhe abantu abahlanu bedilikelwa sisakhiwo

16 kuCanzibe 2024 – Monwabisi Khininda & Yonela Mpaka

Kubhubhe abantu abahlanu bedilikelwa yivenkile yakwJudy eNgcobo kwiveki ephelileyo. Nokutsho kwengxelo yesebe lezeMpilo eMpuma Kapa ishumi elinesithandathu labantu bangeniswe buphuthuphuthu kwisibhedlele saseAll Saints eNgcobo abanye bagqithiselwa kwisibhedlele iMthatha General eMthatha.

USodolophu wase A.B Xuma uSiyabulela Zangqa uthi esi sakhiwo besinendawo yokwenza iinwele namanye amashishini.Uhambise wathi esi sakhiwo besisidala kwaye singakhathalelwanga. “Sisothusile esi siganeko. Sizakuqinisekisa ukuba ayiphindi yehle ingozi enje ngale.Sizakuqalisa uphando lonobangela walengozi.Abathengisi sitalatweni abebesecaleni kwale venkile babengamaxhoba alentlekele.

UMkhululi Ndamase osisithethi sesebe lezeMpilo abenkonzo zikaxakeka nabanye bezohlangulo bebebila besoma bezama ukusindisa amaxhoba.Isebe lezeMpilo lidlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabaphulukene nemiphefumlo kule ngozi emasikizi.

Izisebenzi ezibini zenye yevenkile zalapha eNgcobo zithe zaphulukana nobom bazo kwisithwakumbe zokudilika kwenye yevenkile ezithengisa ukutya u Judy.Esisithwakumbe sokusweleka kwabantu abahlanu ngesiquphe kothuse wonke umntu kuledolophu.UJudy yivenkile yakudala ebinabaqeshi ngaphakathi kuyo kukho nabo benza intloko kuyo.

Umoya omkhulu usiphule izinki kuquka nezitena zalevenkile kwaze kwasweleka abantu kuchaphazeleka nabantwana besikolo abebezidlulela besuka esikolweni. Ozibobele ngamehlo esisithwakumbe umama ozithengisela esitalatweni u Phindiwe Mgwali uthi uve isithonga esikhulu wabaleka akazazi nokuba makaye ngaphi, washiya lonto ebeyenza esiva isijwili nje kuqhuma, uthi akakayazi nangoku ukuba usinde njani kuba esisakhiwo bavukela kuso yonkimihla bephandela abantwana babo.

Inkulumbuso yePhondo LeMpuma Koloni u Oscar Mabuyane unyathele kuledolophu kulendawo uzohlola umonakala owenzekeliyo ekwatyelela isibhedlele ukuyojonga abo baye basiwa khona.

“Sothuke kakhulu sesisehlo kude kubekho abantu abaswelekayo noko sikhathazekile kakhulu sisithi ngase indawo ezisebenzela abantu zimana ukuhlolwa ngamaxesha athile, sithi kumasapho athe aphulukana nezihlobo ngxe kanti kwabo balele esibhedlele sithi mabakhawuleze baphile, sikumalungiselelo okubona ukuba siqalaphi siyekephi ukuncedisa zonke ezingxwelerha zesisakhiwo,” utshilo u Mabuyane. Amalungiselelo okuncedisana nalentlekelo ayaqhuba uvakalise oko ongu Sodolophu womasipala i-Dr AB Xuma u Cllr u Siyabulela Zangqa .Isakhiwo esi sisavaliwe.