Crime & SafetyLocalNews

Amanina aseMpuma Kapa akhalela ukungahoyeki 

23 EyeThupha (Aug) – 28 EyeThupha (Aug) 2024 

Monwabisi Khinindaba

Amanye amanina aseMisgund phantsi komasipala iKoukamma eMpuma azibona engakhathalelwanga ngurhulumente. La manina akhala ngolwaphulo mthetho oluxhomisa amehlo kulo mmandla. Oku kuvela ngethuba urhulumente ephawula usuku lwamanina kuzwelonke.

Omnye wabahlali uCharmaine Vena, uthi kufuneka bahambe imide behamba ematyholweni ukuze bafikelele kwiklinikhi ekufutshane. “Sifuna iklinikhi yethu isondezwe ebantwini.Abantu bahamba imigama emide behamba ematyholweni loo nto ibeka emngciphekweni ukhiseleko lwabo,ingakumbi abantu abadala.”

UMongameli Cyril Ramaphosa ethetha ngomhla wamanina ePofadder eMntla Kapa uthe urhulumente kufuneka adale amathuba emisebenzi ukuze kuqesheke amanina abenendima ayidlalayo kuhlumo loqoqosho. Ngaleyo ndlela amanina angakhuseleka ekuxhatshazweni.” URamaphosa uthe kubalulekile ukuba kuqwalaselwe wemivuzo engalinganiyo phakathi kwamanina namadoda.