Crime & SafetyNews

Lingcinwe kwezimnyama izisele inina elibulele izizalwana linyeke imali ye insurance

Inina elibulele izizalwana linyeke imali ye insurance liyalelwe ibail kwi nkundla yezibheno kuba kusoyikiselwa okokuba lingaduka lingaze liphinde libonwe kweli.  Eli nina, uAgnes Segomontsi Setshantsho kubhaqwe okokuba kudala layilungiselela yonke le nto laza lazifaka kwi insurance zonke ezi zizalwane.  Kuthiwa eyona nto ibuhlungu kakhulu kubantu base Mafikeng kuba ezi zizalwana ziquka abantwana kunye nomyeni.

Kuvakala okokuba kungokunje abemi balo mmandla wawusaziwa njenge Bophutatswana phantsi ka Mongameli Mangope bathi izinto ezimanyumnyezi ngexesha lika Mangope azizanga zenzeka.  Bathi kwakuyinto eyaziwayo ukufakana kwezihlobo koo Masingcwabane nakwezinye ii insurance kuba kubonelelelwana. Kungokunje abemi balo mmandla kuvakala okokuba bayalumnkisana ngokufunwa kwee ncwadi zezazisi (ID) zabo ngenxa yesi sigigaba.

Kusenjalo kuvakala okokuba phaya eGoli kuphinde umntu olinina wenza omnye umhlola ngokuthi antumeke ngomlilo indoda athandana nayo ntoleyo eqandusele ekutsheni kwe sakhiwo sonke kwaze kwasweleka nabantu ababini.  Kuvakala okokuba ngokwengxelo ka “Ndiva” eli nina lenze le nto imbi kangaka emva kokufumanisa okokuba lo mfo walo uye wazibandakanya kwezesondo nomngane omkhulu weli nina.  Kungokunje kuvakala okokuba eli nina liye labanjwa apha evekini.  Kuthiwa kungokunje ngabantu abaphaya kwi 150 abangenandawo yokuhlala kwaze kwanyanzeleka okokuba uMasipala wase Rhawuthini ababonelele ngendawo yokulala kumabala ezemidlalo.