Basaxhamla kukutya kwamahala abo bangathathintweni
Abahlali belali yase Cobosi phantsi kwedolophu yase Ngcobo bathe banikezwa ukutya lisebe lezophuhliso loluntu phantsi koNontlalontle abajongana nesimo sokuhlala. Ukuxhamla kwabo bangathathintweni kokukutya kuthethe lukhulu kubo. Bangapha kweshuminabantu abathe bakufumana okukutya ingabo bangangenelwa nayisenti emdaka nabaphila ngamabonandenzile. Umama ohlala nabantwana abathathu nabasandukuphuma ekufumaneni lemali uNosipho Mgwala uthi akukhonto aphila ngayo oko kucinywe abantwana kulemali yesibonelelo intsokolo ihleli kuye uhamba esebenza kulemizi ukuze abenento esiwa phantsi kwempumlo, ngamanye amaxesha uthi bakhe balale bengatyanga kwanabantwana kunzima xakufuneke baye esikolweni ngenxa yendlala.Inkokheli zendawo ezingabo babizwa oCeba zincedisana kakhulu nabantu abangathathintweni ukuze bakwazi ukulala betyile.
OnguCeba u Siyabulela Phandle uthi okwabo kukuqinisekisa ukuba akuxhamli mntu unezinto bekhona abantu abakufun ngokwenene okukutya. Urhulumente othe gqolo ukubonelela abantu bakuthi abangathathintweni siyambulela kuba lamakhaya awafani kukho lawo kunzima nokuba kulale kutyiwe kubekho lawo axhomekeke ekubeni kupeye abantwana, zona imeko zimbi kakhulu, qho kuvela into engathi izakunceda abantu sibaleka phambili kuba siyayazi kunzima simemelela nabantu bangathuli besiva ubunzima “ utshilo uCeba u Phandle. Abesebe lezoPhuhliso Loluntu bakhuthaze ukuba abantu batyelele kwi ofisi ukuze bazokwazi ukuncedeke.
