CommunityLocalNews

Kungekudala kuzakubakho inkonzo entsha yeebhasi eMakhaza eKhayelitsha

25 May 2023 – Intatheli kaDizindaba

EKapa

ICandelo loLawulo lokuHamba kweDolophu leSixeko saseKapa ligqibezela uyilo lweziko elitsha kraca lebhasi eMakhaza njengenxalenye yokuqaliswa kwenkonzo yeebhasi zeMyCiTi eziya kumetro-mazantsi-mpuma. Esi sakhiwo siza kusetyenziswa yiGolden Arrow Bus Service. Oku kongezwa kwiinkonzo zothutho lukawonke-wonke kule ngingqi kuza kwenza kube lula kubakhweli ukutshintshela kwezinye iindlela, kuba izakuba kufuphi nesikhululo sikaloliwe saseChris Hani kwaye malunga nekhilomitha enye ukusuka kwindawo entsha yeeteksi. Abahlali banethuba lokuvakalisa izimvo zabo malunga neziko lebhasi elicetywayo kude kube ngumhla wama-23 kuJuni ka-2023.

Indawo entsha yeebhasi iza kwakhiwa kwikona yendlela iWalter Sisulu kunye nesitalato iNgwamza. Iza kuba nemathiriyeli eyomeleleyo, kunye neepaneli zelanga zokonga amandla kunye nokuqinisekisa ukuba imisebenzi inokuqhubeka ngexesha lokucinywa komthwalo.

‘Ukuphunyezwa kwesigaba sesibini senkonzo yebhasi yeMyCiTi eneendlela zokudibanisa abakhweli abasuka eMitchells Plain naseKhayelitsha eClaremont naseWynberg, kusendleleni. Inkonzo yebhasi yeMyCiTi kunye neGABS ziza kusebenza kwiziko elitsha elicetywayo eMakhaza. Kucingelwa ukuba iMyCiTi Route 11 iza kusebenza ukusuka apho isingise eWynberg, ineendawo zokumisa eziliqela ngakwisitalato iJulius Tsholo, Japhta K Masemola Road, Govan Mbeki Road, New Strandfontein kunye neOttery Roads, njalo njalo.

‘Abakhweli baya kukufumanisa kulula ukudlula phakathi kwesikhululo sikaloliwe saseChris Hani, indawo yeeteksi, kunye nesikhululo seebhasi, ngenxa yokuba zonke ezi ndawo zikufuphi. Kwakhona, okuqukiweyo kuyilo olucetywayo luhambo lokuhla luphinde luhambe ecaleni kwendlela iWalter Sisulu yeeteksi.

‘Iindawo zokulayisha ziza kuba phantsi kophahla, ukukhusela abakhweli emoyeni, elangeni nasemvuleni, kuya kubakho iindawo zokuhlambela, kunye neendlela zokuhamba ezifikelelekayo jikelele ezinemicu ethotyiweyo ukuze kuphuculwe indlela yokungena nangaphakathi kweziko.

‘Ngenxa yemeko emaxongo apho sijongene nokucinywa kombane ngokuqhubekayo, isiXeko siza kubandakanya iiphaneli zesola ukuze iziko likwazi ukuvelisa owalo umbane wokukhanyisa njalo njalo. Le yiprojekthi enika umdla kakhulu, kwaye ndihlaba ikhwelo kuluntu lwasekuhlaleni kunye nabakhweli ngokukodwa, ukuba basixelele ukuba ucinga ntoni malunga nezindululo. Sikwaphethe usuku lwengcaciso ngomhla wesi-6 kuJuni apho amagosa anokuthi aphendule imibuzo kwaye anike iinkcukacha ezithe vetshe. Eli lelona thuba lifanelekileyo lokungenisa izimvo,’ latsho iLungu leKomiti kaSodolophu weSixeko kwi-Urban Mobility, uCeba uRob Quintas.

Phawula ngolu hlobo lulandelayo:

  • Nge-imeyile transport.news@capetown.gov.za
  • Ngenisa izimvo zakho kwi-intanethi ku-www.capetown.gov.za/haveyoursay
  • Ngenisa izimvo ezibhaliweyo ngesandla: kwiBhungana 10, eKhayelitsha Training Centre, kwikona yeLwandle nePhendula Crescents, eKhayelitsha.
  • Zizimase usuku lweenkcukacha zoluntu ngoLwesibini, umhla wesi-6 kweyeSilimela 2023, ukusuka ngentsimbi ye-10:00 ukuya kweye-15:00 kwiHolo yoLuntu yaseSolomon Mahlangu.
  • Usuku lokuvala ukugqabaza ngowama-23 kweyeSilimela ngowama-2023.