CommunityEducationNews

Baxhasiwe ngurhulumente besisikolo i-Rhasmeni

Umphathiswa wesebe leZophuhliso Loluntu umama uBukiwe Fanta ebetyelele kwisikolo samabanga aphantsi i-Rhasmeni phantsi komhlaba wase Nkondlo eyokunikeza ngempahla zesikolo kwakunye ne sanitary towels. Eli khwelo liphantsi kwenqubo eqhutywa lelisebe ebizwa u Back to school. Bangapha kwamashumi amathathu abafundi abazakuthi baxhamle kwezmpahla. Umphathiswa umama u Fanta uthi akukho mntana uzakuya esikolweni engenayo impahla ingakumbi izihlangu kuba zezona zimchazayo umntanayo . 

“Sizonikeza ngezimpahla kubafundi kuba sifuna abantwana bawuqale kakuhle unyaka bajongane nencwadi zabo bangabe benexhala lokuba umntu akanakawusi okanye isihlangu,sizothi kubazali likhwelo eli xa ziphelile bengenayo imali yokuzithenga i-Ofisi zethu zonontlalontle zivuliwe bangonqeni uyonqonqoza,sibacela lemali yesibonelelo sikarhulumente sibanika yona sicela brnze imfuno zabantwana bayeke ukuyoyisela utywala, otitshala nabo mabathethe kubazali angabukelwa umntu ehamba ngezihlangu ezigqobhokileyo,“ utshilo u Fanta.

Otitshala bakuthakazelele oku kuquka nabazali kuba into enje kwisikolo esi ayivamanga ukwenzeka .Ongumzali umama u Nozuko Simayile uthi kubanzima kwamanye amakhaya xa unyaka uqala kungoko bekujonga ngamehlo abomvu ukuxhaswa ngurhulumente , uthi bayabulela kakhulu kumama u Fanta ngalomsebenzi mhle kangaka bazibona bewongekile kwakunye nabantwana babo. Usekela Nqununu u Zoliswa Khamba uthi besisikolo bayavuys xa kukho abantu abamane bebacinga kuba bakwilali ezikude .

“Sabulela kumama u Fanta mhle kakhulu lomsebenzi uyasivuyisa kakhulu singotitshala kuba akubimandi ukubukela umntana embatshile kodwa unyaka uyaqala sihlaba ikhwelo nakwabanye abantu abangakwazi usinceda ukuba basondele ngeneno sakhi ikamva labantwana,“ utshilo uKhamba. Eli phulo likamphathiswa liphumele nakwisikolo sase Cobosi .