Crime & SafetyLocalNews

Inkenkewula yebhozo ithathe ubomi bomntu

6 March 2024 – Yonela Mpaka

Ubulewe ngokumasikizi umama u Somikazi Gcayiya nobebizwa Sdudla noqikelelwa kwiminyaka engamashumi amane ubudala  nobehlala kwindawo yase Matyotyombeni  kodwa ikhaya lakhe likwindawo yase Clackburry eNgcobo. Uxhaxhwe wamanxebanxeba umama uSdudla ethathwa umphefumlo wakhe kwasekuseni.

Abantu bengekavuki ncam Ukungakwazi ukuzilwelwa kumenze waqale wagalelwa ngamanzi abilayo ngulowo ebehlala naye ukuze angaphinde akwazi nokuthini.Isithwakumbe sokubulawa komama obesaziwa ngokubolekisa imali sibothuse kakhulu abantu base Ngcobo. USomikazi  ngumama ebemkhulu ngokwesiqu.

Ongumelwane wakhe uNosipho Bhoyi uthi uve ngesikhalo xa ephuma phandle weva lizwi lika Sdudla lisithi uyandibulala,uthi kulapho abaleke wabiza abantu kodwa bebenqabile kuba bekusesekuseni, uthi kuze nje iqoqabana neliye lamela ngaphandle kuba umenzi wobubi ebephethe inkenkewula yebhozo engayekanga ukumxhaxha uSdudla.  “Sonakele kakhulu sesisenzo sokubulawa komntu ongumama simjongile de abhubhe singakwazi nokunceda, noko sithi amadoda mawabuye ngeneno imbi into ayenzayo yokusibulala,“ utshilo u Bhoyi.

Oyinkokheli kwindawo lena  mama uNomaliviwe Stemela uthi iziganeko ezinje ziyabakhathaza kuba ukubulawa komama ngolunya kuyaqheleka ,uthi abayazi babhenelephi kuba ilizwe liphenduke layenye into  engaziwayo, bengomama bayasixolisela esisiganeko banqwenela singaphindi senzeke . Umama u Sdudla ubekiwe kwikhaya lakhe lokugqibela e Clackburry eNgcobo. Umenzi wobubi wathi wabanjwa kwangalamini yesehlo efunyanwa kwindawo yentselo engekudanga kuyaphi kwakwidolophu lena. Usagcinwe eziseleni.