CommunityNews

‘Besele ndihleli ngenceba zika Thixo

28 March 2024 – Yonela Mpaka

Umasipala wase Dr AB Xuma unikezele ngendlu  yethutyana kumama u Alicia Nyandane welali yase Chefane Hook. Isimo sokuhlala sika mama u Nyandane besisibi kakhulu. Ngabantwana abasibhozo abahlala kwindlu esele ilibhodlo nekucaca ukuba ibingawa naninina ngenxa yemvula ezina zinganiki siqabu.

Lendlu  yethutyana iyakuthi imncede  kakhulu kuba ebesele enganayo nebhedi yokulala, ingubo alala ngazo nabantwana zeziya kuthiwa ngamaswili,abantwana kwabona babonakala bengenazo nezokunxiba emzimbeni impahla, umnyango walendlu yibhedi endala engasalali mntu. Isijwili asikhalileyo umama u Nyandana ngethuba engena kulendlu yethutyana.

Umama uNyandana uthi ebesele ehleli ngenceba zika Thixo kuba imvula nemimoya bezinganqabanga. “Emva kokuba sathi saya kumasipala siyokhalazela imfuno zethu siyilali kwabakho imahluko omkhulu ndabona kufika abantu bezokujonga isimo sendlela endihlala ngayo emva koko zange kubelithuba elide yeza lendlu yethutyana, ndandingakholelwa kuba kalo kwakukudala ndizama ndisiya nakomasipala kodwa kungapasinto ,ndavuya kakhulu xa kude kwalunga sakuhlala ngokuphola nabantwana bam,“ utshilo umama uNyandana.

Umasipala uthe wancediswa nanguMsamariya olungileyo kwabakho nokutya, ibhedi kwakunye nento yokugcina impahla. Ongu wadi komiti kwilali lena utata  uLengesi uthi inzame zokuwa evuka ezamela lomama unabantwana abaninzi ukuba abenekhaya uthi khange kubelula nangona ekugqibeleni kude kwalunga. Obethunyelwe ngumasipala ongu Ceba nokwalilungu le ANC umama uNosimo Lilani uvakalise ukuba okwabo ngoku kukusebenza ixesha lokuthetha baliphelisile tu bafuna abantu baxhamle kwinkonzo zikarhulumente bangalambathi. “Intlungu kama siyibonile ibimbi kakhulu kodwa sithe njengoba ekwazile unyamezela kusekuninzi okuzayo,“ utshilo uLilani. Imibutho eyahlukeneyo izibonakalisile ixhasa kakhulu umama u Nyandane.