Ulutsha lwaseMnquma lusabele ikhwelo lobujoni
28 March 2024 – Anele Raziya
Ngabantu abatsha abangaphaya kwama600 eMnquma abaye basabela kwikhwelo elihlatywe ngamajoni weli lo Mzantsi, apho acele abo banqwenela ukusebenza kweli candelo baze ngaphambili bazokugcwalisa ifomu.
Kwiveki ephelileyo amajoni weli achithe iintsuku ezintathu eseMnquma malunga nephulo lawo lokubhalisa abo banqwenela ukusebenza kweli candelo.
Amajoni ekunye noSodolophu womasipala waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa baye baqala kuCentane ngoLwesine nephulo lokubhalisa ulutsha babuya bazokugqibezela eGcuwa ngoLwesihlanu.
Ngaphambi kokuba iqale inkqubo yobhaliso amajoni aye acacisela abantu abatsha ukuba maninzi amacandelo okanye imisebenzi abanokhetha kuyo kwezi fomu, efana nokuba ngumongikazi emajonini (inesi), isicima mlilo (fire fighter) kunye neminye imisebenzi.
Ulutsha ebeliphuma kwindawo ezifana neNgqamakhwe, iNgcobo nezinye iindawo ezingqongileyo liye lathatha elithuba linqabileyo lagcwalisa iifomu lukhetha amakhono awohlukeneyo.
UAsonge Janda waseGobe kuCentane uthe eli phulo limvule amehlo ngokuba khona kwalo kuba yena ebecinga kuphathwa imimpu kuphela emajonini ebengayazi ukuba kukho nabo bangomongikazi.
UJanda uthe yena ukhethe ikhona lokuba ngumongikazi kweli phulo kangangokuba uyathandaza ukuba athathwe azokuqeqeshelwa bona.
Ngokwengxelo yala majoni, avakalise ukuba izicelo ezifakwe ngabo baye bagcwalise iifomu kulindeleke ukuba zihluzwe uqala kwinyanga uMeyi walo nyaka uyokuma ngoOkthobha, abo bathathiweyo bazakwaziswa ukuze baqale uqeqesho ekuqaleni konyaka ozayo.
Isithethi somasipala uLoyiso Mpalantshane uthe bengumasipala bachulumance kakhulu ukuba amajoni azise iphulo elimile kunje eMnquma.
UMpalantshane uthe eliphulo lingathi lincedise ukwehlisa amanani aphezulu entswela ngqesho abonakala ephezulu eMnquma.
Uqhube wathi kangangokuba abantu abatsha bewadinga amathuba weemisebenzi bebephume ngamanani aphezulu abanye besuka nanko Ngcobo kuba befuna ukufaka izicelo zabo zomsebenzi.
Uvalelise ngelithi nosodolophu uManxila-Nkamisa wonwabe kakhulu leliphulo lamajoni ngokuthi lifikelele eGcuwa, Centane nakwezinye indawo.
Ebutsheni bale nyanga lamajoni achithe iintsuku eseMbhashe nalapho ebekwancedisa abantu abatsha ukugcwalisa iifomu zabo zezicelo zomsebenzi.


