CommunityNews

Ingxenye yendlela uN2 onqumla eDutywa uthiywe egameni lika Dr Mthetheli Ngumbela

28 March 2024 – Anele Raziya

Imisebenzi yalowo wayesukuba ngusomashishini owaziwayo eMbhashe nakweliphondo liphela, uDr Mthetheleli Ngumbela iyakuhlala ibonakala kwaye nabantwana kufuneka bayazi imbali yakhe njengoko ingumntu odlale indima enkulu ekuphuhliseni uluntu.

Lawo ngamanye wamazwi athethwe yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane ngexesha kuthiywa ingxenye yendlela uN2 onqumla eDutywa ukuba yiMthetheleli Ngumbela Drive ngoLwesihlanu.

UMabuyane, uSodolophu waseAmathole , uAnele Ntsangane, usodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda, usapho lakwa Ngumbela kuquka abahlali bebeyinxalenye yalo msitho.

UMabuyane uthe ukuthiywa kwale ndlela egameni lika Dr Ngumbela lonto izokuncedisa ukugcina imbali yakhe ukuze abantwana abasakhulayo bafunde kuyo.

“UDr uNgumbela ibengusomashishini ozibalule kwizinto ezininzi eziquka ushishino ingakumbi nakwicala lokuphuhlisa uluntu,” utshilo uMabuyane.

Uthe uDr Ngumbela udlale indima ebalulekileyo kwicala lokuncedisa abantu abatsha kwezemidlalo nalapho okhe amabala emidlalo entlobo-ntlobo kwaye waxhasa netumente ezahlukeneyo.

Uqhube wathi lo somoshishini ungasekhoyo ibingumntu obeluthanda uphuhliso kwaye ekwazi ukuthatha intlungu yomnye umntu ayenze eyakhe.

Kangangokuba uye wazibalulela ngokwakha iicawe kwaye exhasa namahlwempu awayelala engatyanga.

UMabuyane uyibulele kakhulu imisebenzi emihle eyenziwe nguDr Ngumbela kwaye uthe iyakuhlala ihleli kwaye nesizukulwana esizayo sakufunda kuyo xa sibona kukhona indlela ethiywe egameni leliqhawe.

Abahlali nabo abawuvali umlomo ngoDr Ngumbela ngexa yokuba bayayazi imisebenzi yakhe.

UNonceba Klaas uthe uDr Ngumbela ibingumntu obenceda kwakumntu osengxakini kwaye uyavuya namhlanje xa kukho into ethiywe egameni lakhe.

UKlaas uqhube wathi kwindawo zonke ebeluncedo uDr Ngumbela kuba ebengoqeni ufaka isandla empokothweni xa kukho lomntu ucela uncedo kuye.

Uthe bakuhlala beyikhumbula imisebenzi yakhe kwaye umzila wakhe usezakuhlala phakathi kwabantu.

Umntana walo somashishini ungasekhoyo, uDr Kholiswa Ngumbela ubulele urhulumente ngokuwonga uTata wakhe ngokuthiya ingxenye yendlela uN2 egameni lakhe.

Uthe bayambulela urhulumente wephondo okhokelwa nguMabuyane.

UJanda uthe ibala lezemidlalo elikufutshane nedolophu yaseDutywa xa usuka ngaseGcuwa, elakhiwa nguDr Ngumbela liyahlaziywa (renovation) kunye neholo esedolophini, iyahlaziywa ngeliwonga eli qhawe lidlale indima enkulu kwimpilo zabantu.