‘Siyaludinga uncedo thina bantu bangakwazi ukuzenzelanto
28 March 2024 – Yonela Mpaka
Banikezwe intonga zokuhamba kwakunye newheelchair abantu base Ngcobo abaphila nenkubazeko. Eli phulo liqhutywe yi Ofisi yabucala ekuMasipala I Dr AB Xuma. Ukuxhaswa kwabo bangakwazi ukuzenzelanto kukhe kwenziwa kwiminyaka esiyishiya ngasemva. Eli phulo lishiya abo bathe banikezwa iwheelchair ezintsha bengawuvali umlomo luvuyo.
Utata u Siviwe Mjulwa nophula nokhubazeko uthi isitulo sakhe sokuhamba besele siphelelwe ngamavili kunzima nokuba sihambe. Ukufumana umnxeba ondibizela kwamasipala ukuba ndizokufumana iwheelchair kundenze ndangathi ndisephupheni kuba besele ndisolokola kakhulu, ukuziyela evenkileni ibiyinto ebesele ndiyilibele,ukuphuma phandle ndihambe ndiye kwindlu yangasese ibibayimigudu ukwenza oko, ukuncediswa kona siyakufuna kakhulu kuba esingakwaziyo ukwenza kuninzi kakhulu siphula ngokucela amancedo ebantwini, lesenti siyinikwa ngurhulumente funeka sibhatale kwakuye abantu abasinceda basenzela imisebenzi yokusicoca nokusihlambela ingubo, siyacela kurhulumente akhe amane ukusiqokelela asive ukuba siphila kanjani na,” utshilo utata u Mjulwa.
Le ofisi ijongene ngqo nabantu abadinga uncedo labucala nekhokhelwe ngu Nobuhle Maninjwa ithe yanceda abantu abangapha kweshumi. UManinjwa uthi kudala bezama bekhangela ukuba banganceda njani kwababantu bangakwazi ukuzenzela de balifumana icebo,uthi babonile umsebenzi ofuna ukwenziwa kwababantu bangakwazi ukuzenzelanyo mkhulu kakhulu. “Zisichukumisile imeko abaphila phantsi kwazo ababantu bangakwazi ukuhamba sizive sibona ngathi oku sikwenzileyo akwanelanga usemde umgama ekufuneka uhanjiwe ukubanceda, abanye babo sifumanise ukuba funeka batyiswe bahlanjwe ibekelowo ingumsebenzo onzima kakhulu xa uzakujongana nawo mihla le, sizimisele ukumana sibanikeza into evelayo ukubaxhasa,“ utshilo u Nobuhle Maninjwa nokula Ofisi ejongene ngqo noku. Abo bagcina ababantu bakhubazekileyo balihlabile ikhwelo lokuba bayacela kungathuleki ixesha elide kuba imeko zokuhlala azintlanga.

