Konwatyiswe iinkedama ePolar Park
08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda
Kusuku lwangoLwesine engumhla waMalungelo oLuntu (Human Rights Day) iziko elikhathalela abantwana abangenabazali iHumana People to People in South Africa nelizinze kwilokishi yasePolar Park eMthatha libhiyozele usuku lwamalungelo oluntu. Othethela iHuman People to people uZamile Thimbani udize ukuba eli qumrhu kudala lisebenza nangani liqalise ukusebenza ngomnyaka ka-2019 kule dolophu yaseMthatha.
Umseki weli qumrhu iElomso Afrika uPhumla Mlandu Kwitshana uthe: “Kubalulekile ukuba abantwana mabawazi amalungelo wabo kunye noxanduva lamalungelo kwaye mawufikelele esiphelweni umkhuba wokuphathwa gadalala kwabantwana nabasetyhini abazali mababathande abantwana babo.”
Ityendyana lomfana onguAthule Khohli ohlala ePolar Park uthethe wenjenje: “Ndifunde into eninzi kakhulu kulo msitho kwaye ikamva lethu njengabantwana besikolo iMthatha Community ndilibona lizoqaqamba nangakumbi.”

