CommunityLocalNews

Abafundi baku Dudumashe bafumene inyweba

Anele Raziya – 27 July 2023

ENGQAMAKHWE

Abafundi besikolo samabanga aphantsi, iLukhanyo Junior Secondary School kwilali yaseDudumashe eNgqamakhwe bafumene inyhweba yokuphiwa izixhobo zokufunda nokubhala kuquka neempahla zokunxiba kwiveki ephelileyo.

UMasipala wesithili i-Amathole, Igwiba Lesizwe Foundation bebambisene neNkosazana uNonzuzo Sigcau kwikomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane bebetyelele esi sikolo saseNgqamakhwe kwiveki ephelileyo.

Injongo zolu tyelelo ibikunika inkxaso ngeezixhobo zokufunda, ukubhala, ukunikezela ngeesanitary pads emantombazaneni kunye neempahla.

USomlomo webhunga eAmathole, uOnke Mgunculu, usihlalo wegqugula lamanina (women’s caucus) uZukiswa Bungeni neNkosazana eNqadu, uNonzuzo Sigcau ngabo ebebekhokele igqiza ebelityelele isikolo iLukhanyo Junior Secondary School.

USomlomo webhunga, uMgunculu uthe injongo zokusebenzisana kwabo kukuba befuna ukulwa idlala kwaye bancedisana nokuphucula impilo zoluntu zoluntu ekuhlaleni.

Uqhube wathi kwesi sikolo banikezele ngeesepha zokuvasa umzimba, itawuli zokuvasa umzimba, iicolgate neeroll-on ukuze abantwana bahlale becocekile kwaye bebahle.

Amasiba wokubhala neezinye izixhobo zokufunda beziphakathi kwezipho ekunikezelwe ngazo.

Kuye kwanikezelwa nangempahla zokunxiba ekhayeni kuquka neezihlangu zabantwana abangamantombazana. Ngabantwana besikolo abangaphaya kwamashumi asibhozo abaxhamlileyo kwizipho.

Inkosi yelali yakuDudumashe, Nkosi uNoluntu Dudumashe uyibulele inkxaso yomasipala weAmathole, Igwiba Lesizwe Foundation neKomkhulu lamaXhosa eNqadu.

UNkosi Dudumashe uthe lenkxaso ifikele kanye kubantu abayidingayo njengoko abantu bejongene nedlala ngenxa yokunqaba kwamathuba emisebenzi.

Uthe abantwana besikolo iLukhanyo Junior Secondary School bazakutsho bakhuthazeke nangakumbi kwizifundo zabo.

Imibutho yasekuhlaleni, umasipala waseMnquma, iinkosi zelali zaseNgqamakhwe eziquka Nkosi uNosizwe Sokapase, Nkosi Noluntu Dudumashe nabahlali beneyinxalenye yalo msitho.