Kuthengwe izixhobo zokuncedisa ekucoceni inkunkuma eMbhashe
02 Isilimela 2024 – Anele Raziya
Iidolophu zaseMbhashe eziquka iDutywa, Gatyane naseXhorha, azinakuphinda zibonakale zingcolile ngamaphepha ezitratweni kunye neelokishi.
Kulandela emva kokuba uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda esamkele iiloli ezintsha kraca neemigqomo ezakuncedisa kwicala lokuqokelela inkunkuma nokuyigcina kwidolophu ezingaphantsi koMbhashe.
Idolophu yaseDutywa, Gatyane naseXhorha zifudula zinabo abasebenzi abajongene nokucholachola amaphepha ukuze kuhlale kucocekile kodwa into ibisilela ibizizixhobo ezaneleyo zokwenza lomsebenzi.
Kwiveki ephelileyo ngoLwesine umasipala uye wabona kubalulekile ukuba wongeze ezi zixhobo zokuqokelela inkunkuma uqinisekisa ukuba zonke idolophu zihlale zicocekile.
Usodolophu uJanda uthe bengumasipala bathenge imigqomo emithandathu (6) abazakuyityala kuzo zonke idolophu zabo, bathenga iloli enye ezakusetyenziswa ukhwelisa imigqomo xa iyokulahla inkunkuma.
Uqhube wathi zikhona nezinye izixhobo abazithengileyo ukuncedisa kweli phulo lokuqinisekisa ukuba zonke idolophu zabo kunye neelokishi zihlala zicocekile.
Oka Janda uthe injongo zokuthenga ezi zixhobo kungokuba bafuna iinkonzo ezibalulekiyo zifikelele kuye wonke umhlali waseMbhashe.
Uthe bengumasipala bazimisele uqhubekeka bephucula impilo zoluntu njengoko bexakekile ngoku bejikeleza iilali ngelali besazisa inkampani ezizaphucula iindlela ezikwezo lali.
Lo masipala awujonganga kwicala elinye ekuphuhliseni uluntu njengoko ebutsheni bale nyanga ubusindleke nemidlalo entlobo-ntlobo yendebe kaSodolophu (Mayor’s Cup) ngelincedisa kwicala lokuphuhlisa ulutsha emidlalweni.
Ukuphuculwa kwenkonzo zaseMbhashe, uJanda uthe kuzorhweba nabatyali zimali ukuba bazokutyala imali zabo kuzo kutsho kuvele namathuba emisebenzi.


