Crime & SafetyLocalNews

UMphathiswa ugxeka ukulahlwa kweentsana

Monwabisi Khininda

UMphathiswa wesebe loPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta ukugxeke kabukhali ukulahlwa kweentsana ezisanda kuzalwa.UFanta uthe abazali abanobunzima ekukhuliseni iintsana zabo mabazinikezele kwisebe lakhe ukuze zinakekelwe. Oku kulandela ukucholwa kosana phantsi kwamazinki, libandla iMethodist Church, eCala kwiveki ephelileyo.

Kwintsasa yangeCawa xa kanye amarhamente elungiselela inkonzo yakusasa kubekho ova isikhalo. Bathe xa beqwalasela lusana olunentsuku luzelwe. “Isebe liye langenelela ngokukhawuleza. Usana luzakuthi lakukhutshwa esibhedlele lungeniswe elugcinweni, iChild and Youth Care Centre. Isebe lizakuqwalasela ukuba olu sana alunakunikezelwa kwabanye abazali na.”

UFanta ubongoze abazali ukuba baqhakamshelane noNontlalontle ukuze babancedise ukunakekela abantwana babo.oku kuquka nabantwana abangekazalwa. Uhambise wathi belisebe ngokusebenzisana namanye amaqumrhu azimeleyo bazakubamba amaphulo akhuthaza ukunakekelwa nokuphakanyiswa  kwamalungelo abantwana.

“Iphondo leMpuma Kapa linamaqumrhu angenzi nzuzo (NPO) angamashumi amabini anesixhenxe anakekela abantwana ngokubanika indawo yokuhlala kuquka nabo bacholwe belahliwe.Lamaziko mabini kwisithili iAlfred Nzo, mabini kwisithili iAmathole, mane eBuffalo City, mane kwisithili sase Chris Hani,asixhenxe kwisithili iNelson Mandela Metro, abemathandathu kwisithili i-O.R Tambo  abemabini kwisithili saseSarah Baartman. Eli sebe linamaziko aphantsi korhulumente angala :- linye eAlfred Nzo abemabini eNelson Mandela Metro.Abekhona amaziko abhaliswe ngokusemthethweni kwisithili iAmathole,wona awakafumani nkxaso”. Ulebele ngelithi banomphako wamaziko okunakekela abantwana abaxhatshazwayo ngokulandela umthetho weChildren’s Act.