LocalNewsSports

iWestern Tigers FC iphumelele Imiganu Easter tournament kwakhona

Anele Raziya

UMelinkqubo Ndabokutya weKhula sport development and events, uthi bengumbutho bazimisele ukuncedisana norhulumente ukulwa iziyobisi nolwaphulo mthetho ngokuthi basondeze ulutsha kwezemidlalo.

Kulandela emva kokuba lombutho ubambisene nomasipala waseMbhashe eDutywa, umasipala wase

Amathole kuquka namasebe awohlukeneyo karhulumente ephondweni bebambe imidlalo yetumente ebizwa Imiganu kwindawo yaseMkatazo eXhorha ngenzame zokususa ulutsha kwiziyobisi.

Zilali ezingaphaya kweshumi elinesibini eMbhashe ebezikuphe amaqela webhola ekhatywayo nawebhola yomnyazi uyokuthatha inxaxheba kwimidlalo entlobo-ntlobo ibibanjelwe eMkatazo ngentsuku zepasika.

Amasebe waseburhulumenteni aquka inkonzo yesipolisa, elezoKhuseleko, elijongene nokuphuhlisa iNtlalo yoLuntu (Social development), elezeMpilo namanye kuquka noomasipala bebeyinxalenye yale midlalo ebanjwa rhoqo ngeegolide zeepasika.

Indawo yaseMbhashe isoloko iphakathi kweendawo ezinamanani avisayo okanye aphezulu kwicala lokugetyegwa kwabantu, udlwengulo, impatho gadalala ngakumanina xa kujongwa ngokwenkcukacha manani zephondo.

Kungoko umbutho weKhula sport development and events uthe gqolo ubambisana norhulumente ngokuzama ukulwa ulwaphulo mthetho ngezemidlalo.

UMelinkqubo Ndabokutya walo mbutho ethetha neliphephandaba, uthe bonelisekile yindlela eqhube ngayo itumente yabo yemidlalo entlobo-ntlobo yalo nyaka kwaye namagosa ebemele amasebe awohlukeneyo eburhulumente alifumene ithuba lokuthetha nolutsha beliqanda ukuba lohlukane nezenzo zolwaphulo mthetho.

UMelinkqubo uqhube wathi amaqela ebengaphaya kwamashumi amabini ebekhuphisana kwibhola ekhatywayo, ukanti nakwibhola yomnyazi (netaball) ebenqabele kwelo nani nto leyo ukuba bonke abantu abatsh bebethathe inxaxheba.

Uye wabulela noSodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda nebhunga lakhe nomasipala waseAmathole abathe gqolo uxhasa lemidlalo ngenzame zokufuna abantwana belali zaseDutywa, Gatyane naseXhorha babenekamva eliqaqambileyo emidlalweni kwaye bahambele kude kwizenzo zolwaphulo mthetho.

IWestern Tigers FC ibeyiyo ephumelele itumente Imigani Easter emva kokuba ibethe Real Friends FC ngo2-1 kumdlalo wamanqam kwibhola ekhatywayo.

Iye yagoduka ixweye ikiti entsha yebhola ekhatywayo, imali engangeR3000, imbasa zeegolide kunye nebhola.

Lo gama Real Friends FC zigoduke neR1500, ikiti, iimbasa zesilivere kunye nebhola.

Namanye amaqela afikelele kumjikelo ophambi kowokugqibela axhamle emabhasweni kwibhola ekhatywayo.

Kwibhola yomnyazi, iAsaziwa netball club iye yaphuma phambili emva kokuba ibethe iTafalehashe netball club.

IAsaziwa yagoduka nemali engange R700, ikiti, iibhola kunye neembasa zegolide.

Lo gama iTafaleshe netball club ifumene ikiti, R300, iibhola kunye neembasa zesilivere.