Abafana baseKapa bathi malibuyiswe isiko lokuhlolwa kwee ntombi
15 ISilimela 2023 – Intatheli kaDizindaba
EKapa
Abafana base Ntshona Koloni nabaziwa kakhulu kwi phulo lokulwisana nempatho-gadalala kumanina i-GBV (Gender Based Violence), ngoku bamemelela ukubuyiswa kwesiko lendoni. Eli siko lelo limalunga nokuhlolwa kwee ntombi zisakhula zingekayanywa ngesondo nezi baphaya kwi minyaka eli 16 ubudala. Aba bafana bathi oku kuza kubona kubuyelwa nakwi ntlawulo ngokuwiswa kwebele lentombi. Uninzi lwala malungu alo mbutho i “Not in my name” kuvakala okokuba luphaya eKhayelitsha, Gugulethu nase Zwelethemba.
Olilungu lalo mbutho, uKhumbulani Ndamase uthe: “Singulo mbutho we “Not in my name” simemelela okokuba uRhulumente abegadalala kuloo madoda anemphatho-mbi kumanina ntoleyo echapazela sonke sisifana. Thina asihambisani nokuba yonke le nto ibandakanye bonke abafana,” utshilo.
Ukanti kwelinye icala abanye baba bafuna bale Ntshona Koloni bona bathi malibuyiswe eli siko kuba xa bezeka bafuna ukuzeka iintombi “Nto” hayi amasekeni khonukuze bahlawule ilobola eyiyo.
Abazali nabathe bafunwa uluvo ngesi simemo saba bafana bavakalise iimbono ezahlukeneyo kwi ntatheli ka Dizindaba. Umama uMamgcina onkaba yakhe ephaya kuTsembeyi eLady Frere uthe: “Ewe, mna nanjengamzali ndiyasixhasa eisi simemelelo saba bafana kuba oku kuthethe ngento nenokusibona sibuyela kwizithethe namasiko ethu singabakwa Ntu.
Yena ubawo uDosini uthe: “Okokuqala mna ndifuna ukuncoma lo mbutho wabo olwisana nemphatho-gadalala ngakumanina, ze okwesibini ndithi singabaxhasa kweli khwelo. Kodwa unomji apho uzakubakhoyo kukule mithetho yalo Rhulumente onamalungelo kakhulu achasene nayo yonke into emayela nokwakha isizwe. Khangela ngoku ungumzali kuquka nee titshala ezikolweni awuvumelekanga ukusebenzisa uswazi ukolula umntwana wakho. Kwakhona aba bafana bamemelela okuhle kufuneka balindele nabo basideleyo singamaXhosa nabazakuthi indoni lisiko lakwa Zulu,” utshilo.

