LocalNewsSports

UMongameli weMnquma LFA uMbongeni Matanga

Anele Raziya

Kwinyanga ezibalekayo ezigqithileyo umasipala waseMnquma eGcuwa ubonakale uhambela phezulu umaxhaphetshu ulungisa iindlela ezilokishini kuquka nezo zisezilalini ezingaphantsi kwakhe.

Kwaye lo msebenzi ubonakala uhambele phambili kakhulu ingakumbi kwizitalato ezise zilokishi kunye neezistrato ezikwidolophu yaseGcuwa.

Ukanti ngaphambi kokuba kusongwe unyaka ophelileyo uMnquma uye waqalisa ukuzakhela isikhiwo esizakuba neeofisi zakhe ndawonye, kuphele lento yokuba ezinye zibesenzantsi ngaseButterworth town hall logama ezinye zingaseButterworth Hospital.

Abahlali baye bachulumanca kakhulu xa bebona lenkqubela phambili ingakumbi abaseMchubakazi abaxelelwa nguSodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa ukuba bazakwenzelwa iindlela kwizitalato zabo.

Kwaye nomanejala waseMnquma uSilumko Mahlasela baye babhengeze ukuba bathenge abanye ooganda-ganda nematshini zokwenza indlela ukuze kubelula ukuphucula iindlela zakuCentane, Gcuwa naseNgqamakhwe.

Kwiveki edlulileyo umasipala uvale ibala laseMsobomvu ebekufudula kudlalelwa kulo imidlalo yeMnquma promotion league kwaye lonto inika ithemba elikhulu kwabazemidlalo.

Njengoko kwakudala becela ukuba kuphuculwe ibala labo kuzokuphela iizingingqi kubonakala umasipala esabele kwikhwelo labo.

Sithetha nje abasebenzi baxakekile belungisa elibala liseMsobomvu linamabala amabani, elokudlala umbhoxo nebhola ekhatywayo.

Okwangoku amaqela adlala kwiMnquma local football association (Mnquma LFA) afuduselwe kwibala eliseKhaladi kufutshane nedolophu yaseGcuwa.

Lo gama amanye amaqela kulindele asebenzise ibala iLangalethu sport ground kuquka nelo liseButterworth training college.

Ukulungiswa kweli bala laseMsobomvu kuzindaba ezimnandi kakhulu ingakumbi kwiqela laseGcuwa lamanenekazi, iThunderbirds Ladies edlala kwiHollywoodbets Super league.

Imidlalo yayo yasekhaya kwiHollywoodbets Super league iyidlalela eMdantsane eMonti ngenxa alikho ibala elisemngangathweni eMnquma.

Ukwakhiwa kweli bala kungancedisa nokhulisa uqoqosho lwaseMnquma xa amanye amaqela weHollywoodbets Super league etyelele iThunderbirds Ladies.

UMbongeni Matanga ongumongameli weMnquma LFA uthe imidlalo yabo iza kuqalisa ukuqhuba ngale mpelaveki siya kuyo njengokuba bebeyimisile unika ithuba amaqela ukuba athathe inxaxheba kwimidlalo yepasika.

Uthe ibala laseMsobomvu lisenziwa kwaye bazaksebenzisa amanye amabala abanawo.