Kusweleke ilungu le-ANC kwingozi yebhasi
Monwabisi Khininda
Yintlaninge yabantu abonzakeleyo kwintlavubele yengozi yebhasi eyenzeke kuhola wendlela u-R61 phakathi kweCofimvaba neKomani ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo. Kusweleke owasetyhini kwaze kwangxwelerheka abantu abasibhozo. Bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele sakuKomani.
Ngokwengxelo epapashwe sisithethi sesebe leZothutho eMpuma Kapa, u-Unathi Binqose uthe: “Ibhasi iye yaphelelwa ngamandla xa ibizama ukunyuka iqhina waze umqhubi waphulukana nolawulo lwayo.”
Le bhasi ibikhwelise abantu abangamalungu ombutho we-ANC abesuka kuKomani besingise kumnyhadala obuseNgcobo ngexesha kusenzeka eli shwangusha lelishwa.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuqhutywe uphando oluthe vetshe.
