Kudutyulwe kwabulawa abafundi ababini besikolo eSajonisi
27 April 2023 – Anele Raziya
Sajonisi
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade usothukile sisiganeko sokudutyulwa kubulawe abafundi ababini besikolo iMajali Technical High School eSajonisi ngoLwesihlanu.
Ngokwengxelo yesebe lezemfundo, ichaza ukuba abafundi ababini abangamakhwenkwe, omnye oneminyaka engama20 logama omnye eneminyaka engamashumi22 badutyulwe babulawa ngabantu abangaziwayo ngexesha benqumla eMajola Tea Plantation besuko funda kwabanye abafundi.
ISebe lithi okwangoku awaziwa unobangela wokudutyulwa kubulawe ababafundi baseMajali Technical School.
Amapolisa waseMpuma Koloni avule ityala lokubulala kwaye akhangela abarhanelwa abadubule babulala abantwana babini besikolo iMajali Technical High School.
UGade uthe siyothusa esi siganeko kwaye asomkelekanga.
Uqhube wabongoza abahlali ukuba basebenzisane namapolisa ukuze kubanjwe abantu abadubule abafundi baseLusikisiki.
Uthe belisebe okwangoku abawazi unobangela wokudutyulwa kwabafundi kodwa bathumele oyintloko kwisebe uGqirha Soyisile Nuku ukuba adibanise intloko nabazali ababulawele abantwana.
Kodwa kwingxelo ezivakalayo kuyabonakala ukuba ikhona imilo yasekuhlaleni apho abantu beendawo ezahlukeneyo kula mandla waseSajonisi bengahambelani kwaye lomkhwa ukhokelela ekubeni kubekhona ubulalalana kwabo.
Le milo kuthiwa yaqala kwiminyaka eyadlulayo kwaye urhulumente wazama ungenelela eyiphelise kodwa kuyabonakal ayikapheli nangoku.
Kwindawo yaseLusikisiki nakwezinye iindawo kuthiwa abahlali basalala emahlathini ngenxa yale milo ingavumiyo kuphela.
Abazali babantwana baphinde bahlaba ikhwelo kurhulumente ukuba aphinde angenelele kule meko.

