Umoya onobungozi ushiye abantu abaninzi bengenazindlu ePere
ED Mangxaba
Abantu abaninzi kwii lokishi zoMasipala waseDrakenstein nabahlala ematyotyombeni bazibone sele bengenazindlu emveni kokuba isithingutshane somoya simnke namaphahla ezinye zadilika. Ezona ndawo ezithe zachapazeleka kulo Masipala kubese Mbekweni naseDal. Ezona ndawo ezithe zachaphazeleka eMbekweni kube kumatyotyombe aseLangabuya kufuphi nomzila kaloliwe, eO R Tambo nalapho ibe yinkitha yabahlali ethe yachaphazeleka.
Phaya kwi ndawo yase Daljosaphat iindawo ezithe zachaphazeleka kakhulu kubese Fairyland kunye nase Siyahlala nalapho abahlali abaninzi bavakalise okokuba banyanzeleka ukuba bavuke ezingulwimi zobusuku. Bathi oku kuye kwanyanzelwa kukusiphuka kwamaphahla nalapho baye banyanzeleka okokuba bawabethelele amazinki abethe avuthuzwa ngumoya. Oo Ceba bezindawo zase Mbekweni nase Dal bathe oku konakala kwezindlu baye bakuchaza kuMasipala neluthiwa ebesele eqalile ukujonga ezinye zezi ndawo.

