Kuthandazelwa uxolo nenzolo eCofimvaba
Intatheli: Monwabisi Khininda | Cofimvaba
Abahlali base-St.Marks eCofimvaba badiniwe lulwaphulo mthetho kule dolophu. Kwiveki ephelileyo abahlali kuquka nabeelali ezingqonge ledolophu namapolisa kubanjwe umthandazo wokuphelisa imilo yamakhwenkwe eqhubekayo, ukusetyenziswa nokuthengiswa kweziyobisi.
Obethetha egameni labahlali uNomaza Khuse uthi ngalomthandazo bazocela kuMdali abahlangule kwingxaki yokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. “Singabazali sihleli exhaleni nanjengoko kusondele ixesha lokuya kwamakhwenkwe esuthwini kuba kuvuka imilo yamakhwenkwe. Abantwana bethu bangene nzulu ekuxhatshazweni kwiziyobisi ezingumbulalazwe,” kutsho uKhuse.
UKhapteni Yolisa Mgolodela osisithethi samapolisa uthi amapolisa abambisene noluntu ekulweni ulwaphulo mthetho ukuxhatshazwa kweziyobisi nemilo yamakhwenkwe.
Uthe kuthethathethwano noluntu bazama amaqhinga okuphelisa lemikhuba elilwaphulo mthetho. Eli phulo liye naseikolweni apho kuye kwaxhotyiswa abafundi ngolwazi nobungozi bokusebenzisa iziyobisi nokuzibandakanya kwimilo yamakhwenkwe.


