Uncategorized

Ingqesho koonogada abaliwaka

Monwabisi Khininda – 25 kuTshazimpuzi 2024

UMphathiswa wesebe lezeMfundo eMpuma Kapa uFundile Gade uthembise iinqununu zezikolo ngokuqasha oonogada abaliwaka (1000) ukuncedisana nezo zikolo zithi zifumane ukuqhekezelwa nto leyo eyenza kubonakale isebe lingathi liqhwayela emva okwenkukhu.

Oku uGade ukudize kwintlanganiso ebeyibambe neenqununu zezikolo kwi-O.R Tambo ezamabanga aphantsi naphezulu.Nalapho athe kwintetha yakhe into yokujonga kuphela kwizinala akubalulekanga nanjengoko iititshala zamabanga aphantsi izizo ezithululela izinala kwaye ziqinisekisa ukuba sele zikulungele ukufunda izifundo ezingundoqo nezithi zincedise kuqoqosho lelizwe.

UMphathiswa uqhubeke wancoma ezi nqununu ngomsebenzi omhle nanjengoko iphondo leMpuma Kapa lithe lanyukela ngomyinge ongu 4.1% ku-77.% wonyaka wama-2022 zebabe bazuza iziphumo ezingu 81.4% kunyaka ophelileyo. “Singaba asenzi kakuhle xa singenothi huntshu kwiititshala zeli phondo ngalo msebenzi omhle kangaka owenziwe ngabo kwiphondo lethu.Ewe siyayazi okokuba akukho phondo elisebenza phantsi koxinzelelo nje ngeli sithetha ngeetitshala ezikhupha iziphumo ezincumisayo zihlohlela phantsi kwemithi.Sithetha ngeetitshala ezihlala ezikolweni ngoMvulo ukuyotsho ngeCawa zizama ezi ziphumo. Sithetha ngeetitshala ezihlala zimincile xa isimo sezulu siguquka ngoba iyakuthetha ukuthi azizokwazi ukuphangela ngenxa yeendlela ezimbi nezimoshakeleyo. Kodwa ndiyafuna ukuyiveza into ethi nangona ezinye iingxaki izezethu silisebe kwaye sizama kangangoko ukuhlangabezana nazo kodwa ezinye ayizozethu ezifana neendlela ezi, zezikarhulumente,” kutsho uGade. Ukuzibulela izikolo eziqhube kakuhle isebe lithi liphise ngezipho zeemoto kwizikolo ezihlanu eziphume phambili.

“Siyibonile ke impazamo kwixesha eligqithileyo lokungazibandakanyi izikolo zabantwana abaphila nenkubazeko yilonto kulo nyaka sithe masongeze eyesithandathu eyakuthi izuzwe sisikolo esigqwesileyo sabantwana abaphila nenkubazeko ithi ke lonto siza kukhupha iimoto ezintandathu kulo nyaka. Okunye esiye sakujonga kukuba phambi kokuba isikolo sibe siyagqwesa kukhona iititshala ezibila zisoma, sizakuthi ke songeze izipho ezijongene neziqu ezithe zagqwesa.”