Kuthiwa zizakubambi iindaba kubemi bangaphandle
30 April 2024
Isebe Lezekhaya (Home Affairs) kuvakala okokuba lizakuba ngqingqwa malunga nemithetho ejongene namalungelo abemi bamazwe angaphandle abangene kweli loMzantsi Afrika. Kuvakala okokuba okona kubangele okokuba eli Sebe Lezekhaya libe lizakuthatha amanyathelo angqingqwa kukubhentsa kokuba sele befunyaniswe bephaya kuma 800,000 abemi bamazwe angaphandle abakweli. Abemi abaninzi beli loMzantsi Afrika bakholelwa ekubeni bakwi zigidi abemi bamazwe angaphandle abakweli ngaphandle kwamaphepha mvume okuba lapha.
Kungokunje kuvakala okokuba eyona nto eyongeze umsindo kubeni beli ibe yinto embi kakhulu eyenziwe ngabase Nigeria phaya kumntla Koloni nalapho amapolisa athe abamba abemi base Nigeria nenkitha yeedrugs. Emveni koku abemi base Nigeria baye bahlasela isikhululo samapolisa bedubula baze bahlasela nee nkonzo zabemi beli. Kungokunje abemi base Mzantsi Afrika bathi kuyacaca okokuba ezi zidakamiswa zingaka kweli lizwe ziziswa ngaba bemi base Nigeria kuquka nezibham.
U Mphathiswa weSebe Lezekhaya umnumzana Aaron Motsoaledi uvakalise kutshanje okokuba emveni kokuninzi abathe bakubhaqa kuye kwanyanzeleka okokuba baqulunge umthetho oqatha. Lo mthetho nowaziwa nje White Paper uzakuba qatha malunga nokungena kweli lizwe ngendlela engeyiyo emveni kokufunyaniswa kokuba kukho abemi bamazwe angaphandle abangene ngondlela mnyama kweli lizwe.
U Mphathiswa uMotsoaledi uthe, “Sileli Sebe siye safumanisa okokuba eli lizwe lo Mzantsi Afrika abaphambukeli balifumanisa eli lizwe lethu lilelona kulula ukulingena ngaphandle kwendlela eyiyo kunamanye amazwe. Thina sileli lizwe sithi lowo othe wangena kweli lizwe ngaphandle kwemvume makakhawulezise azazise zingaphelanga iintsuku ezintlanu. Thina singu Mzantsi Afrika asikabi nazo ezo zakhiwo zilungiselelwe abaphambuikeli ezifana nee Refugee Camps nalapho kuye kwaziwe ngee meko ezibeangele bawufuthele amazwe abo awahlukeneyo,” utshilo.
Abasemfuthweni wolwazi bathi kungokunje lo mthetho ongqingqwa nowaziwa njenge White Paper ugqithiselwe epalamente kusenzelwa okokuba uwuhle amahlongwana ze emva koko uqalise ukusebenza. Amaqela amaninzi ajonge nentlalo ntle kweli lizwe wona awuncomile lo mthetho. Wona umbutho we Operation Dudula uthe nawo uyawuxhasa lo mthetho kwaye awusayi kubangqingqwa njengoko ubunjalo ngaphambili. Lo mbutho ukwathe kukho iqela lezopolitiko elifungileyo okokuba ukuba lingaphatha abayindawo abo bangene ngomgunyathi kweli lizwe.


