CommunityCrime & SafetyLocalNews

Kubulewe amalungu amahlanu osapho olunye

15 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda

Mpuma Kapa

Kudutyulwe abantu abahlanu kumzi omnye lahlanza iselwa kwilali yaseLuphondo eLusikisiki. Kwesikabhadakazi xa kanye wonke umntu ekobentlombe ubuthongo, izixhwanguxhwangu zezigebenga ziqhushumbise ngezulu lezandla kwisihlanu sosapho olunye kwasinda isibini kuphelo kolohlaselo lwentiyo nenzondo. Kusinde umntwana ononyaka omnye ezelwe kunye noneminyaka esibhozo (8). Eli sikizi lenzeke ngoMvulo waleveki sisuka kuyo.

Ngokwengxelo yamaPolisa ngomlomo kaBrigadier Thembinkosi Kinana kumbonzeleke imiguvela enukelwa ligazi kwizithuba zentsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku yafika ayathetha yaqhumisa umbayimbayi wezulu lezandla. Ngokwengxelo yamaPolisa kufunyenwe imizimba emihlanu idunduluzile idada egazini ingasaphefumli. Phakathi kwaleyo mizimba ebidunduluzile bekukho ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo ubudala.Bonke abafi bebenamanxeba weembumbulu.

AmaPolisa aseMpuma Kapa ayabongoza edomboza kuluntu ukuba lusebenzisane nawo kubanjwe ezi zibhongobhiyane zemigulukudu yoonqevu. Umntu onolwazi ngelishwangusha uyacelwa aqhakamshelane nabecuphi kule nombolo 0860010111