Abafundi abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo bafumene inxaso yemphahla yesikolo eMnquma
27 April 2023 – Anele Raziya
Gcuwa
Abantwana besikolo abaphuma kumakhaya angathathintweni bathe gqolo ukufumana inkxaso yeempahla yokunxiba yesikolo (school uniform) kumasipala waseMnquma eGcuwa.
Kutsha nje amagosa womasipala waseMnquma ekhokhelwa nguSodolophu, uTunyiswa Manxila-Nkamisa baye bathi mbazalala betyelela izikolo eziseGcuwa, Ngqamakhwe nakuCentane nalapho baye banika abafundi abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo impahla yesikolo kuquka neezihlangu.
UManxila-Nkamisa kunye neqela lakhe banike abantwana abangashumi amathathu (30) kwisikolo samabanga aphantsi, iSiyanda Primary School impahla yokunxiba yesikolo noobhaka.
Isikolo iSiyanda Primary School izinze kwindawo yogobityholo ebizwa kwaYako informal settlement engaphandle kancinci kwidolophu yaseGcuwa.
Uninzi lwabazali abahlala kule ndawo yakwaYako abasebenzi nto leyo eyenza kubenzima ukuba bathengele abantwana babo impahla yesikolo noobhaka.
UManxila-Nkamisa uthe babone kufanelekile bengumasipala ukuba baxhasa abantwana ngephulo labo lika Back to School apho babonayo ukuba kudingeka uncedo.
Uqhube wathi imfundo ibaluleke kakhulu kwaye ihamba phambili kwicala lokuphucula ikamva lomntana ontsundu.
Kwisikolo iSiyanda Primary School uMnquma unxibise abantwana uqala esihlangwini uyokuma kwijezi.
Waphinda uMnquma watyelela isikolo iSoga Secondary School eNgcizela kuCentane nalapho uye wanika abafundi abangamashumi amathathu (30) impahla yokunxiba yesikolo ekhatshwa ngoobhaka.
UManxila-Nkamisa uye wanika nabafundi abangamantombazana amalaphu wokuqhusheka ngaphantsi xa besexesheni (sanitary pads).
Isikolo iSezela Primary School esikuCentane neJames Nguza Primary School eseNgqamakhwe nazo ziye zaxhamla kweli phulo lika Back to school lomasipala.
Abantwana abaxhamlileyo kweli phulo bebekhethwa lisebe elijongene nokuphuhliswa kwentlalo yoluntu (social development) nootitshala ezikolweni.
UKholiswa Jonas obethetha egameni labazali kwisikolo iSiyanda Primary School, uthe bayibulela kakhulu inkxaso abayifumana eMnquma kwaye esi sipho sempahla yesikolo sibuyisela isindima kubantwana babo xa bephakathi kwabanye esikolweni.

