Community

Singenela nakumaphulo afuna inxaso

Iphehlelelwe ngokusesikweni ibrentshi yabalandeli be Kaizer Chiefs kwidolophu yaseNgcobo.Omama ngabona bebeme phambili befuna oku kude kubeyimpumelelo.Osomashishini base Ngcobo banike inxaso engagungqiyo.UMsekeli Songxwaxa nonguNobhala kule brentshi uthi bakwenzwe oku kuba bafuna ukuzazisa nakwamanye amaphondo,esithi abapheleli kulento yokwaziwa nabo bayaxhasa kwizinto ezehlela abantu, uthi bawenzile umahluko ingakumbi kumaxhoba ase Mtata athe azibhaqa esengxaki. “Sibulela kumntu wonke othe wasixhasa ,sikwazivulile izandla kumntu wonke aze kule brentshi sizokwakhana siphucule iNgcobo yethu,”utshilo u Songwaxa.Imibutho eyahlukeneyo inike inxaso nayo ngokusekwa kwe brentshi.

Abombutho we Brotherhood eNgcobo nabo bathi bayawaxhasa onke amaphulo anokuthi enze abantu babumbane.Owalombutho u Mzwabantu Balekile uthi phambili ngabalandeli abavuse izinto zemidlalo nabaxhasa abantu ngamaxesha kaxakeka,sibaxhasile abo bebrentshi ye Pirates nebebeyazi kwinyanga esiyishiya ngemva,sithi makuyiwe phambili.Uqoqosho lwase Ngcobo lonyuka oko xakukho lemisebenzi yenziwayo kuba ivenkile zixhamla kangangoko.Abalandeli bonke beminye imidlalo bebeyinxalenye yoku.

Umfanekuso:Ibrentshi ye Chiefs iphehlelelwe ngokusesikweni.