Community

Oceba basondele ebantwini

Intwazana eselula u Macosa Fundiswa welali yase Qulunqu phantsi komasipala i Dr Ab Xuma uthe wanikezwa iWheelchair lisebe lezoPhuhliso Loluntu. Emva kwexesha elide lentwazana ilindile isebenzisa iWheelchair ibisele igugile, kube luvuyo kuyo kwakunye nosapho. Oku kwenziwe phantsi kwenzame zika Ceba u Siyabulela Phandle, nonguCeba kwa ward 4. Loka Phandle uthi kudala bezama ukuba intwazana le isifumane esi situlo kuba impilo ibisele isiya ibamaxongo, uthi bahlaba ikhwelo nakwabanye abantu abafuna uncedo beze ngeneno kuba kungumsebenzi wabo ukuqinisekisa ukuba abantu bayahoyeka nkalo zonke. “Intsebenziswano ekhoyo nesiyakhileyo nesebe iyasivuyisa kakhulu kuba sijonge ukuzilwa ingxaki zabantu, simemelela namanye amasebe ukuba aziveze kuba izinto abazidingayo abantu ziliqela, abanye basalala bengatyanga ntoleyo engasiphathi kakuhle,” utshilo u Phandle nonguCeba. Umama womntwana ebengawuvali umlomo evuyela esi situlo. “Ndiswele amazwi endinowabhekisa kuCeba negqiza lakhe kuba bandikhulule emakhamandeleni, bekukubi kakhulu, kunzima ukuhlala nomntu ongakwazi ukuzenzela nto, funeka ubenomonde, uzeke kade umsindo, inkathalo uyibeke phambili,” utshilo umama u Macosa. Intwazana u Fundiswa ebemana ukunqwaka ngentloko ebonakala ukuba uyakuthakazelela oku.

Umfanekiso: Intwazana u Fundiswa kwisitulo asinikezwe ngu Social Development.