Arts & CultureLocalNews

Ikumkani yamaXhosa iqhwabele uMotsoaledi izandla

20 kuCanzibe 2024 – Anele Raziya

kumkani yamaXhosa jikelele, uAhlangene Sigcawu uliqhwabele izandla inyathelo lika Mphathiswa weSebe elijongene nemiCimbi yezaseKhaya, uGqirha Aaron Motsoeledi emva kokuba enikezele ngeloli ezilishumi elinesithandathu (16) kurhulumente waseMpuma Koloni.
 
Ezi loli zinobuxhakaxhaba balemihla obufana nekhompuyutha kwaye ziziofisi ezihambayo ukulungiselela ukuba zincedise ekuhambiseni ngokhawuleza inkonzo zesebe lemicimbi yezasekhaya ndawo yonke ephondweni.
 
INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane neKumkani yamaXhosa jikelele, uAhlangene Sigcawu ibe ngabo abomkele eziloli kumsitho ububanjelwe kwikomkhulu lamaXhosa eNqandu kuGatyane namhlanje (ngoMvulo). 
 
UKumkani uSigcawu uthe eziloli  zizakuncedisa ukuhluza abemi bamazwe angaphandle abangene kweli ngokusemthethweni nabo bangene ngondlela mnyama.
 
“Ezi loli zizakuncedisa ukuba sahlule kwabo bangene ngokusemthethweni kweli nabo bangene ngokungekho semthethweni,” kutsho uKumkani uAhlangene.
 
Uqhube wathi nabantu bazakutsho baxhamle kwinkonzo ezifana nokwenzelwa izazisi zabo (Identity documents) nezatifiketi zokuzalwa xa zikhona iloli ezijikelezayo ezifana nezi.
 
Uthe neenkosi ziye zafumana ithuba lokuba zincokole kwaye zifundiswe nguGqirha Motsoeledi malunga neemithetho yokugaleleka kwabemi bamazwe angaphandle kweli (immigration laws) kuba bezinkosi bazibhanqa sele behlala nabantu bamazwe angaphandle kwindawo zabo.
 
Ethetha uGqirha Motsoeledi uthe kuluvuyo ukuba isebe lakhe linikezele ngeziloli zizi ofisi ezihambayo kwaye uthe zizakusebenza kulo lonke iphondo uqinisekisa ukuba wonke ubani uyaxhamla kwinkonzo.
 
“Sichulumancile silisebe ngokuba sinikezele ngeziloli zizakuncedisa ukuhambisa inkonzo ingakumbi ezilalini,” kutsho uGqirha Motsoeledi.
 
UMabuyane oyinkulumbuso uthe uchulumance kakhulu linyathelo lesebe lezasekhaya kwaye wonwatyiswe nayinto yokuba ezi loli zenziwa  kwalapha ephondweni eBhayi kwa Isuzu.
 
Uthe akukho mntu uyakuphinda adinge inkonzo zesebe lemicimbi yezasekhaya emva kokuba befumene eziloli bengurhulumente.