CommunityLocalNews

“Abantu babeka imida ezintliziyweni zabo, kulapho kuvela khona ukuthiyi abantu basemzini”

08 ISilimela 2023 – Tariro Washinyira – Kapa

EKapa

Abasetyhini abasuka kwamanye amazwe kunye nabasetyhini baseMzantsi Afrika babhiyozela uSuku lwe-Afrika kunye

“UMzantsi Afrika ujongene nemingeni emininzi ngokunxulumene nokufuduka kunye nokubukulwa kwabantu bamanye amazwe. Siphawula uSuku lwe-Afrika ngokuhlanganisa abantu basetyhini abahlukeneyo abahlala eKapa ukuze bathethe ngezinto ezifanayo njengabafazi baseAfrika kwaye babelane ngamava abo.” Le yindlela i-Institute for Justice and Reconciliation (IJR), iTusimame Women, neSouth African Women in Dialogue (SAWID) abawuchaze ngayo umcimbi wabo obubanjwe ngoMgqibelo ngenkxaso ye-UNWOMEN kwii-ofisi ze-IJR eKapa.

Bamalunga nama-50 abantu abadibene phantsi komxholo othi “Ubumbano loluntu, amalungelo oluntu, iyantlukwano kunye nokumanya abasetyhini base-Afrika” – ojolise ekwandiseni amazwi okudala uxolo abasetyhini kwilizwekazi.

Lo msitho ulandela isikhumbuzo somhla wama-25 kuCanzibe sokusekwa koMbutho woManyano lwe-Afrika (i-OAU), ngoku eyiMbumba ye-Afrika (i-AU).

Abantu babenxiba iimpahla zesintu, bemamela umculo wesiNtu kwaye babelane ngenyama yenkukhu yaseCape Malay ibhiryani kunye nezitya zaseNtshona Afrika ezifana nejollof rice, dodo (plantains) kunye neadalu (isityu sembotyi kunye nombona).

“Ndingumfazi onebhongo, omnyama, wasemaphandleni, ozimeleyo,” utshilo uJo-Anne Johannes, weRural Women’s Assembly, okhulele kwifama yaseSimondium. “Ekukhuleni kwethu ngexesha localu-calulo sasinyanzelwa ukuba sisebenze ezifama, kodwa ndazithembisa ukuba ndiza kugqiba ibanga leshumi.”

“Ndazixelela neentombi zam ukuba azizukuba ngabasebenzi basezifama. Baye baba ngabafundisi kunye noonontlalontle ngomsebenzi wam onzima. Kukho amaxesha esasingenakutya ngoxa ndandibagcinela imali yesikolo, kodwa ndiye ndawaphelisa amahlwempu kusapho lwam.”

“Siyabandezeleka namhlanje kuba silahlekelwe ziindlela zethu. Kufuneka sibuyele kuBuntu,” utshilo uVuyiswa Lamfiti. “Ndikhulele kumagumbi angasemva kule ndawo. Umama ebengumsebenzi wasendlini. … Ndahlala ndizixelela ukuba ngenye imini ndiya kuphila ubomi obufana nobomqeshi kamama, kwaye ndiye ndaphumelela oko.”

“Andiyiqondi kakuhle ukuba isuka phi na intiyo yabemi bamanye amazwe,” utshilo u-Olga Thafeni, owakhulela eMpuma Koloni ngoku uhlala eMontague esebenza njengonongi. “Kufuneka sazi ukuba singamaso kumtya omnye – wonke umntu omdala, wonke umntwana, indoda, ibhinqa. Akukho mntu unelungelo lokucalula umntu kuba siyalingana.”

“Usuku lweAfrika lumalunga nokususa bonke ubukoloniyali, ucalucalulo kunye nemida esezintliziyweni zethu. Ezo zinto zinokubakho kwiincwadi zembali, kodwa ezintliziyweni zethu masihlale singama-Afrika,” utshilo umfundisi-ntsapho wenzululwazi nezibalo uPaty Mudiayi weTusimame Wanawake.

Oyinzalelwane yaseDemocratic Republic of Congo, uMudiayi uthe ukufika kwakhe okokuqala eMzantsi Afrika kwafuneka azithobe. Usebenze iminyaka emihlanu eGreen Market Square nangona eyinjineli. Kamva, iZiko laseScalabrini laququzelela imisebenzi yabantu abanemathematika nenzululwazi ngasemva waza waya kufundisa kwi-LEAP.

“NdingumAfrika eAfrika hayi umCongo… Singama-Afrika kwaye sinenjongo enye yokususa intlupheko nemida. Abantu babeka imida ezintliziyweni zabo, kulapho kuvela khona i-xenophobia,” utshilo uMudiayi.