Ubhentsisiwe umhlola wokutshatiswa kwentombi yaku Tsolo ingazi
29 Canzibe 2024 – Intatheli kaDizindaba
AmaMpondomise azifumana ephantsi koxinzelelo emveni kokuba usisi owalahlekelwa yincwadi yakhe yesazisi wazifumanisa sele engu nkosikazi Okomondi mntu low ongowase Nigeria. Kuvakala okokuba lo dade waquqa wancama kwa Home Affairs efuna ukwazi okokuba kwenzeke njani ukuba azifumanise sele eyinkosikazi yomntu angamaziyo yena.
Kungokunje kuvakala okokuba eli Sebe Lezasekhaya (Home Affairs) linkone zizenzo zobukoloviti nalapho kuthe ekubonakala okokuba yena akafumanga ntywenka engaka umsembenzi weli sebe wadiza amahlebo. Kuvakala okokuba lo “Dizamahlebo” uye wazisa izikhulu zeli sele ngawo wonke umkhonyovu oqhubekeyo ngokuthengiswa kwamaphepha mvume kubeni bangaphandle. Oku kuvakala okokuba kuza kubhentsisa inqwaba yabanye oosisi abatshatiswe bengazi nabemi bamazwe angaphandla.
Lo dizamahlebo wazise izikhulu zakwe Home Affairs ngokuba yinkitha yezikhulu zeli sebe ezibandakanyekayo kubo mkhonyovu phantsele kuvo onke amaphondo anee ofisi zeli sebe. Oku kuthiwa kuye kwanyanzeleka icandelo lophando lika Home Affairs luphande nzulu ngoku. Bona abasemfuthweni wolwazi bathi wonke lo mbodamo kuvakala okokuba ubandakanya amalungu angama 60 ekuthiwa ngulo “Dizamahlebo” ayabandakanyeka kulo mkhonyovu.
Kwakhona abasemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba uMphathiswa weli Sebe Lezekhaya, umnumzana Aaron Motsoaledi uvakalise omkhulu umsindo. Kuvakala okokuba uMphathiswa uyalele okokuba ibutho elaziwa kakhulu kwezophando, iSIU maliphande ngesi sigigaba. Kungokunje eli butho sele libhaqe okukhulu kwi mida yeli neMozambique ingakumbi ngobekusenzeka phaya eMaraba Stad. Kuphinde eli butho labhaqa neminye imikhonyovu eyenzeka phaya kwindawo egcina abaphambukeli iDesmond Tutu Refugee Camp.
Kungokunje kuvakala okokuba oku kuqandusele ekubeni iDesmond Tutu Foundation iyalele okokuba igama lika Tutu lisuswe kuloo nkampu egcina abaphambukeli.

