Arts & CultureNews

Iinkosi zijikeleza ukulungiselela ulwaluko

27 Canzibe 2024 – Anele Raziya

Umasipala waseMnquma kunye neMnquma Initiation Forum sele baqalile kwiveki ephelileyo bejikeleza betyelela izikolo ezinamakhwenkwe azakuya ehlathini ulungiselela elixesha lolwaluko laphakathi enyakeni.

IForum ikhuphe igqiza layo lweenkosi zasekuhlaleni ukuba zibambisane nomasipala bajikeleze zonke izikolo zaseMnquma ezinamakhwenkwe ekulindeleke ukuba aye esuthwini.

Injongo zolutyelelo kwezi zikolo zinzame zokufundisa abafundi abazakuya ehlathini malunga nezinto ezilindelekileyo kubo kwaye baxelelwe neengeminyaka yamakhwenkwe anelungelo lokuya esuthiwini.

Rhoqo xa kufike ixesha lolwaluko umasipala wesithili i-Amathole uye ukhuphe amalungu weForum yakhe ekhokelwa nguNkosi uMzikayise Kaulela ayokuthetha neenkosi koomsipala abafana noMbhashe, Mnquma nabanye ngenjongo zokunqanda into yokubhubha kwabakhweth ehlathini.

Iingcibi zeelali ezahlukeneyo nazo ziye zimenywe okanye zibizwe xa kuxoxwa imicimbi yolwaluko kuba kusondele ixesha lolwaluko.

UMnquma uhlala usabela ngalo lonke ixesha kweli khwelo kangangokuba amanani wokubhubha kwabakhwetha asoloko ephantsi kakhulu okanye kungabikwa siganeko.

Isebe lezempilo, inkonzo yesipolisa kunye nemibutho efana noRight to Care isoloko ibayinxalenye nayo nala maphulo wokuthetha namakhwenkwe azakuya ehlathini.

Nakulona unyaka yonke lemibutho kunye neenkosi zisasebenzisana nomasipala kangangokuba isikolo iTyali Senior Secondary School kuCentane, Lamplough high school eGcuwa sele zityelelwe.

Kule veki iForum ikunye noomasipala nale mibutho bazakutyelela isikolo Zanewonga high school neKrazukile S.S.S.

Njengokuba kuqhuba elutyelelo ezikolweni iinkosi aziyekanga nokutyelela ezindawo zingcina abakhwetha ukuqinisekisa ukuba zikhuselekile kwaye zikumngangatho ofanelekileyo.

Kungekudala urhulumente waseMpuma Koloni okanye oomasipala bazakupha iimoto ezizakusetyenziswa ziinkosi ulungiselela ujikeleza kwazo emabhumeni zijonga ukuba yonke into ihamba kakuhle.

Kwisizini ephelileyo yolwaluko eMnquma khange kubekho siganeko sibikiweyo sokubhubha kwabakhwetha.