‘Singenza ngcono ukuba singavotelwa
27 Canzibe 2024 – Yonela Mpaka
Inkokheli yombutho we ATM u Vuyo Zungula ibinyathele kwidolophu yase Cofimvaba phantsi komasipala Ntsikayethu iyokugaya inxaso. Le nkokheli izityhutyhile idolophu de yangena nakwilali eziphantsi kwedolophu yase Ngcobo ihlaba ikhwelo lokuba ivotelwe nanjengoko kusondela ulonyulo.
Kwidolophu yase Ngcobo inyathele kwilali yaku Beyele iyokothula intetho yobume bombutho nezinto abazakuthi bazenze xa belinikiwe ithuba.Upresidenti u Zungula uthi bajonge ukuphucula umgangatho kwindawo ezihlala abantu, bazakuthi bavule amathuba emisebenzi kuba bayabona intswela ngqesho yeyona ihamba phambili, “Siqale saya ebantwini sabona indlela abaphila ngayo kubi kakhulu siyafuna ukuthi kubo ukuba bangambeka uX wabo kuthi singenza ngcono izinto,“ utshilo u Zungula.
Abahlali bebegcwalise intente kwilali yaku Beyele nabaphakamise ukuba urhulumenete akabahoyanga ngoku bafuna umbutho ozakuthi abenenkathalo. Umama uJoyi Langa uthembise ngokuthi umbutho lo uzakuwuvotela kuba ubonakala ungathethinje, uthi bahlala kwindawo ezingenawo namanzi bayasokola kakhulu kwa imali le bayifumanayo ayoneli kuba funeka bethenge ukutya babhatale imibutho babhatale imali zesikolo. Inkokheli yombutho lo isajonge ukutyelela nakwezinye indawo igaya ivoti.

