LocalNewsSports

Iqela laseGcuwa elidlala kwiHollywoodbets Super league

Iqela laseGcuwa elidlala kwiHollywoodbets Super league, Thunderbirds Ladies kulindeleke ukuba iqalise amalungiselelo wayo ukulungiselela isizini entsha.

Kunyaka ophelileyo iThunderbirds Ladies eqeqeshwa nguThembalethu Apleni iphantse yazibona ifinca isizini ihleli emsileni kuluhlu lwamaqela eHollywoodbets Super league.

Kodwa kuthe kwimidlalo emine yokugqibela abadlali beli qela laseGcuwa baye bafunqula iThunderbirds Ladies bayokuyibeka kwindawo yeshumi elinesine (position number 14) kuluhlu lwamaqela elog yamantombazana.

Yabakanti iyasinda ukuba ifince isizini ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu (15) kwiLog nalapho ibizokuxatyelwa lizembe kwaye izibhanqe sele iyokudlala kumngangatho ongezantsi kunalona weHollywoodbets Super league.

ICoal City Wizards FC neMa-Indies Ladies FC ngamaqela afinca imidlalo ehleli emsileni lonto yathetha ukuthi azokudlala kumngangatho ongezantsi kwisizini kuneHollywoodbets Super league.

Kwindaba zakutsha nje ezibhengezwe ngumbutho webhola weli, iSouth Africa football association( SAFA) emva kokuba ububambe indibano kwinyanga ephelileyo zezokuba amaqela weHollywoodbets Super league azakwandiswa ngokuthi kongezwe amanye amaqela amabini kule sizini intsha izayo ka2024/2025.

Le iSuper league ibifudula inamaqela alishumi elinesithandathu (16) ngoku kule sizini intsha azakuba lishumi elinesibhozo (18) lonto ithethe ukuthi iCoal City Wizards FC neMa-Indies Ladies angazibona esinda ekuthotyelweni kumngangatho ongezantsi emva kokuba bebetyiwe lizembe kwisizini esando dlula.

Kule ndibano yeSAFA kuye kwabekwa neemithetho emitsha, nethi iqela ngalinye elidlala kwiHollywoodbets Super league livumeleke ukuba libhalise abadlali abahlanu bamazwe angaphandle eMzantsi Afrika.

Kwabadlali bamazwe angaphandle kuthiwa bathathu abavumelekileyo kubo ukuba bangene ngaphakathi ebaleni xa kudlalwa.

Omnye umthetho, kuthiwa amaqela awasavumelekanga ukuba atyikitye oonozinti bamazwe angaphandle, ngoonozinti baseMzantsi Afrika kuphela abaselungelweni lokuba sezipalini kumaqela adlala kwiSuper league.

Abaqeqeshi bona kweli nqanaba kuthiwa umqeqeshi oyintloko kufuneka abeneCAF B layisenisi logama isekela mqeqeshi kufuneka libene CAF C layisenisi ukuze bahlale esitulweni baqeqeshe amaqela kwiSuper league.

Injongo zale miqathango mitsha kule bhola yamanenekazi zinzame zokuphucula ibhola yaseMzantsi nokuphuhlisa abadlali abasakhulayo njengoko bezakukutsho baqeqeshwe ngabo banesakhono sokwenza oko.

IThunderbirds Ladies nayo ngahle ichaphazeleke kolu tshintsho kuba ibinabo abadlali bamazwe angaphandle kwaye kufuneka ifumane isisombululo ingekaqali isizini.