Kubanjwe abathathu ngogetyengo lwakuGatyane
30 kuCanzibe 2024 – Monwabisi Khininda
Amapolisa anqakule avalela abarhanelwa abathathu abanxulunyaniswa nesiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu abasixhenxe kwilali iNxanxashe kuGatyane ngeCawa eyadlulaya. Ngokutsho kwamapolisa abarhanelwa babanjwe eNtshona Kapa emva kokufunyanwa kweenkcukacha.
Babanjwe licandelo eliphanda ubundlobongela obunobuzaza ephondweni.Amaxhoba adutyulwa abulawa ngokungenalusini esemotweni.ISithethi samapolisa ephondweni uLt. Col. Priscilla Naidu uthi abarhanelwa baphakathi kwama-33 ukuya kuma-34 eminyaka ubudala, babanjwe ngoLwesine weveki esisuka kuyo.
Kulindeleke bavele kwinkundala kaMantyi kuGatyane ngamatyala okubulala. Amaxhoba awadutyulwa abulawa ngabarhanelwa nguNkqubela September (43), Xolani Klawushe (23), Luyolo September (21) yena ungunyana kaNkqubela, Iviwe September (12) naye engunyana kaNkqubela, Busisiswe September, Lubabalo Khumalo Mazwana noBongani Maleki.
UMkomishinala wamapolisa uLt. Col. Nomthetheli Mene uncome amapolisa ngophando olukhokhelele ekubanjweni kwaba barhanelwa bathathu. Uqinisekise abahlali bakuGatyane ukuba soze banyamezele oonqevu abakholelwa ukuba bophule umthetho benenkululeko.
