Arts & CultureNews

Kufunyenwe izixhobo kwilali yaseNgqeleni

29 May 2024 – Monwabisi Khininda

Kulindeleke avele enkundleni yamatyala kuleveki sikuyo amadoda amabini afunyenwe nezixhobo kwilali yakuNothintsila eNgqeleni. Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu namashumi amane anesithoba ubudala babanjwe kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo.

Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa idize ukuba kwisithuba sika-02 hr ngoqhiza ngoLwesine icandelo lamapolisa elilwa ulwaphulo mthetho kunye necandelo lethutyana lamapolisa ase-O.R Tambo alandele inkcukacha zobuntlola ezidize ukuba indoda eneminyaka engamashumi amane anesithoba ubudala inompu ongekho mthethweni.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi amagosa akwantsasana asingise kulendawo ngenene awufumana umpu nemagazini enembumbulu;umrhanelwa uye wanqakulwa ngoko nangoko wagcinwa kwisikhululo samapolisa eNgqeleni.

Kanti enye indoda eneminyaka eyi-35 nayo ithe yabanjwa kwangobusuku obunye emva kokufunyanwa nomnye umpu ongekho mthethweni uneembumbulu.Esi sibini sijongene namatyala okufunyanwa nezixhobo ngaphandle kwamaphepha -mvume.