Kuphandwa ukubulawa kwabantu abasixhenxe kuGatyane
29 May 2024 – Monwabisi Khininda
UMkomishinala wamapolisa eMpuma Kapa uLt. Gen Nomthetheli Mene usigxeke ngamandla isiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu abasixhenxe kuquka nomntwana oneminyaka esibhozo ubudala kuGatyane ngeCawa. Ingxelo yamapolisa idize ukuba abakwantsasana bafumene ingxelo ngolu dubulo kwilali iNxanxashe eWillowvale apho afike abantu abathandathu (amadoda amahlanu) kuquka umntwana nowasetyhini, bekwisithuthi esiluhlobo lweMazda 3 sele bebanda.
Kanti omnye umzimba ufunyenwe kwisithuthi esiluhlobo lwe-Toyota Fortuner ebikumgama oyikhilomitha enye ngokutsho kwamapolisa.Isithethi samapolisa ephondweni uCol. Priscilla Naidu uthi amapolisa afumene isithuthi esiluhlobo lweVW Polo ebesinamachaphaza egazi sishiywe kumgama ongekho kude neendawo zexhwayelo.Amaxhoba aphakathi kweminyaka esibhozo ukuya kumashumi amane anesihlanu ubudala.
Unobangela wokubulawa kwawo usephantsi kophando. Amagama amaxhoba asagodliwe de kwaziswe izihlobo zawo.Icandelo lamapolisa eliphanda ubundlobongela obunobungozi ephondweni lizophanda amatyala okubulala asixhenxe. ULt. Gen Nomthetheli Mene ubongoze nabani onganenkcukacha ezinxulumene nokubulawa kwamaxhoba ukuba aze ngaphambili azoncedisana nophando lwamapolisa.
ULt. Gen Mene uthe “Iqela elinamava labaphandi lizosebenza ngokungenamkhinkqi ukufumana okwenzekileyo kolugebengo.Sizibophelele ukunika inkxaso eyimfuneko ukuze kwenziwe uphando olunzulu. Ubundlobongela obufana nesi siganeko abunandawo ekuhlaleni”.
