Owasetyhini ufunyenwe enqunyulwe intloko
29 May 2024 – Monwabisi Khininda
Amapolisa aseCala ahlohla ngemibuzo abafana ababini malunga nokubulawa ngokungena lusini kowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala kwilali iTsengiwe ngoLwesithathu weveki ephelileyo.
Kutyholwa ukuba ngalomhla umalusi kwintaba iNdaba wafumana umzimba womntu wasetyhini unqunyulwe intloko.Ngokutsho kwengxelo ixhoba yinzalelwane yaseUpper Ndawana kodwa ubehlala kwizihlobo eTsengiwe. Ingxelo engekadizwa ngamapolisa idize ukuba phakathi kwamadoda kukho nesithandwa sexhoba.
Isithethi samapolisa uCol.Priscilla Naidu uthi ngeCawe kunqakulwe amadoda amabini ukuze aphoswe ngemibuzo.Kwangolusuku lunye ngeCawa intloko yexhoba ifunyenwe kumgama oyi- 3 km ukusuka apho kucholwe khona umzimba usisibhuku-bhuku.
Iimeko ezingqonge ukubulawa kwexhoba ngokumasikizi ziphantsi kophando lwamapolisa, umfi uchazwe njengoUluntu Stuurman.
