EducationLocalNews

Isebe lezeMfundo eMpuma sele liqhuba nezicwagciso zalo zonyaka ozayo

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Anele Raziya

Isebe lezeMfundo eMpuma sele liqhuba nezicwagciso zalo zonyaka ozayo ulungiselela ukuba kungabikho magigxigigxi xa kufuneka kuqaliswe ukuhlolwa kwabantwana ezikolweni.

Kwiveki ephelileyo elisebe liphantsi kwesandla sika Mphathiswa uFundile Gade libhengeze ukuba sele liyiqalile inkqubo yokuhanjiswa kweencwadi ezikolweni.

Kangangokuba elisebe lithe kumyinge wezikolo esele zifumene iincwadi lingawuqikelela ku70% nto leyo echazayo ukuba uzakuphela lonyaka zonke izikolo zineencwadi zokubhala.

Ngokwengxelo yesebe yasebutsheni bale nyanga, izikolo eziyi 4596 ezifake izicelo zeencwadi, eziyi 3937 kuzo sele zizifumene iincwadi.

Ngomhla wesixhenxe kule nyanga isebe lithe iincwadi eziyi 1 341 901 bezisendleleni zisisiwa kwezinye izikolo ebezingekafumani.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo isebe belikhe langundabamlonyeni ngokuhamba kancinci xa kufuneka luhambise incwadi ezikolweni.

Kangangoko abafundi kwezinye izikolo bebekhe bagqibe iinyanga ezibalekayo bengenazo iincwadi zokubhala kodwa ngoku kuyabonakala ukuba izinto zitshintshile.

Ngokwesatya elihamba ngaso isebe kule nkqubo yokuhanjiswa kweencwadi, kulindeleke ukuba kufike unyaka ozayo zonke izikolo zinazo izikolo kwaye iqale kwangexesha inkqubo yokuhlolwa kwabantwana kumagumbi wokufundela.

Ngexesha kuqhuba inkqubo yokuhanjiswa kweencwadi isebe libhengeze ukuba kuye kwavela namathuba engqesho ethutyana ayi350 logama asisigxina abeyi 153.

Ngazo zonke ezinzame zesebe uMphathiswa uGade ugxeleshe ukuphucula iziphumo zika Greyidi 12 nangakumbi kule minyaka izayo.

Kwiziphumo zabafundi balo nyaka ebebechophele imviwo zokuphela konyaka kuGreyidi 12 uGade ugxeleshe ukuba bafumane u85% nangaphezulu kwiziphumo zabo.