Arts & CultureLocalNews

Umasipala waseMnquma ububambe uqeqesho lwamakhankatha neengcibi zikhunjuzwa

02 Isilimela 2024 – Anele Raziya

Kwiveki ezine ezidlulileyo iinkosi zaseMnquma bezixakekile zikeleza zonke izikolo zibamba intlanganiso namakhwenkwe ekulindeleke aye esuthiwini ngelixesha lolwaluko laphakathi enyakeni.

Injongo zezintlanganiso ibikuxelela amakhwenkwe malunga nezinto ekulindeleke azenze ngaphambi kokuba ayokoluka kunye nezo ekungafunekanga azenze xa esiya esuthwini.

Kule veki ngoMvulo, umasipala waseMnquma eGcuwa, ububambe inkqubo yokuqeqesho amamakhankatha azakujonga amakhwenkwe ehlathini.

Olu qeqesho belu khokelwa yiofisi yoSomlomo webhunga lomasipala, uMonica Qaba kwaye iingcibi ezalusa amakhwenkwe, iinkosi zaseMnquma, inkonzo yesipolisa, isebe lezempilo, umbutho ozimeleyo iRight to Care kunye nezinye stakeholders ezichaphazelekayo beziyinxalenye yoluqeqesho.

Rhoqo xa kufika ixesha lolwaluko umasipala waseMnquma usoloko usingatha oluqeqesho ngenjongo zokulungiselela ulwaluko.

Kolu qeqesho kuye kwahlolwa iingcibi ukuba zisakulungele ukolusa amakhwenkwe kwaye zinazo iingcwadi ezigunyazisa oko.

Amakhankatha nawo aye anikwe igqwalasela ukuba asekulungele ukwenza umsebenzi wawo kakuhle kwaye kuye kwaqiniswa ubundlelwane bentsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente abandakanye kunye neforum ejongene nolwaluko eAmathole naseMnquma.

UNkosi uPat Tyali nguye obekhokele iForuma yaseMnquma kolu qeqesho belubanjelwe kwiNdlu yeeNkosi kuCentane.

Bonke ebebekhona kolu qeqesho baye baxhotyiswa malunga nendlela zokunqanda into yokubhubha kwabakhwetha ehlathini kwaye isebe lezempilo lihlabe ikhwelo ukuba abantwana basiwe kumaziko ezempilo bayokuhlolwa isimo sempilo ngaphambi kokuba bayokoluswa.

Amapolisa aye azibophelela nawo ukuba azakuncedisa ngexesha lolwaluko ukuvalela izibhoxi ezaphula umthetho kweli siko lekwaXhosa.

Isebe elijongene neeMicimbi yezeMveli ephondweni ihlabe ikhwelo ukuba kusetyenziswane ngabazali, iingcibi namakhankatha ukuze abantwana babuye bephila ehlathini.

Iingcibi zomgunyathi kuthiwe funeka zichazwe kwabomthetho ukuze zibanjwe zivalelwe.