Amafama eNgqushwa aphiwe izichumiso
09 Isilimela 2024 – Anele Raziya
Umasipala waseNgqushwa usathe gqolo uqinisekisa ukuba uncedisana namafama alimayo kuquka nalo wemfuyo ngenjongo zokugxotha indlala nokudala amathuba emisebenzi.
Kutsha nje umasipala waseNgqushwa okhokelwa nguSanga Maneli uye waxhasa amafama waseQawukeni ngeengxowa zezichumiso (fertilizers).
IQawukeni Maize Growers Agriculture Co-operative enamalungu ayi35, ifumene inkxaso yeengxowa zezichumiso ezingamshumi amahlanu (50) kusodolophu waseNgqushwa uSanga Maneli obekunye nooceba bebhunga.
Injongo zeli nyathelo umasipala uzama ukhuthaza lamafama alima iihekthari ezinga30 kwilali yaseQawukeni kwaward 3 eNgqushwa.
Abakolopolotyeni kuyavakala ukuba baqhuba kakuhle kwiprojekthi yabo kwaye sele beqeshe abantu abanga30 ukuba bancedise xa kusetyenzwa.
Ethetha kumsitho wokunikezela uManeli uthe, “siyavuya, sikwakhuthaza ukuba niqhube nizimisela ukusebenza umhlaba ukuncedisa ukugxotha indlala. Umsebenzi eniwenzayo mhle kwaye siza kuhlala sinixhasa.”
Uqhube wathi bengumasipala banoxaduva lokuncedisa iiprojekthi zasekuhlaleni kwaye bazama nokurhweba abatyali zimali bazokutyala eNgqushwa kuzokutsho kuvele amathuba wemisebenzi.
Uthe bazokuqhuba bewenkxaso onke amafama kwaye bakhuthaza nolutsha ukuba lubeyinxalenye yeprojekthi ekuhlaleni ngenjongo zokuzidalela amathuba weemisebenzi.
Usihlalo wokopolotyeni baseQawukeni, Mziwethu Myali uthe bayibulela kakhulu inkxaso kamasipala kwaye bazimisele ukuqhuba nokulima ukuze bakwazi ukuthengisa isivuno sabo ezivenkileni.
UMziwethu uthe ukukhula kweprojekthi yabo lonto izakuthi incedise nakwicala lokhula koqoqosho lasekuhlaleni.
Uvalelise ngelithi unethemba lokuba urhulumente uzakuhlala ezinkxaso iprojekthi ingakumbi ezo zisezilalini kuba kwezondawo izinga lentsela ngqesho luphezulu kakhulu.


