Community

UNotekisi uphakathi kwabantu abadutyulwe babulawa

27 April 2023 – Monwabisi Khininda

Indwe

Amapolisa aphanda ulwaphulomthetho olucwangcisiweyo ephondweni, iziganeko ezibini zokubulala ezahlukeneyo. Kwisiganeko sokuqala amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo emvakodubulo kwilokishi iNomzamo e-Indwe. Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo emvakodubulo. Afumene imizimba yamadoda amathathu iqungquluzile endleleni.

Iimeko ezingqonge ukubulawa kwamaxhoba azikaziwa okwangoku, kuvulwe amatyala amathathu okubulala ukuze kuqhutywe uphando. Kwesinye isiganeko esinganxulumananga nesikudutyulwe umnini wetekisi oneminyaka engamashumi amahlanu anesibini ubudala wangeniswa esibhedlele eGcuwa apho aswelekele khona.

Kuvakala ukuba ixhoba belilinde isithuthi ngethuba abarhanelwa abangaziwayo begaleleka bavulela ngeembumbulu phambi koku baleka. Kudizwe ukuba ixhoba lesibini ebelizama ukunceda lidityulwe lonzakala. Unobangela woluhlaselo awukaziwa.

Amapolisa abongoza nabani ononkcukacha ezingancedisa amapolisa kuphando lwawo ngeziziganeko zibini anxibelelane neqela labaphandi ku: 0823017762.