Baxhasiwe omama base Chefane eNgcobo
16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Yonela Mpaka
CHEFANE
Umasipala wase Dr Ab Xuma uthe wanikeza ngezixhobo zokuthunga kei project yomama ezinze kwindawo yase Chefane hook eNgcobo. Sele kulithuba iproject lena iqhuba. Omama abathungayo nabangekabinandawo yabo nabasebenzela emizini basakujongile ukuxhaswa bafumane indawo eyeyabo. Umama uNozolile Sihlawu nongomnye wale project uthi akukhonto bangakwazi ukuyithunga baqale kancinci beqokelela imali bayidibanisa de bakwazi ukuzibiza ngokuba bayi project.
Kudala sifuna ukuxhaswa kodwa siye saqonda izinto zize zilungu masidibane noCeba wethu uPlatyi inenguye ohamba phambili, sikuvuyele kakhulu ukuxhaswa sinikiwe imetshini zokuthunga amalaphu kwakunye nezixhobo ezincedisa xa kuthungwa, sifuna ukubheka phambili kuba lemali siyifumanayo siyakwazj ukufundisa ngayo abantwana bethu nangoku sizakufundisa nabanye abanqwenela ukufana nathi, sibulela umasipala osixhasileyo wakwazi ukumamela xa sithumela sifuna amancedo,” utshilo umama u nolilungu le project.Umasipala sele exhase iproject ezingapha kwesihlanu kwidolophu lena.
Onguceba kwindawo lena uSivuyile Platyi uthikubalulekile xa abantu bekwazile ukuqala into bancediswe, imali yesibonelelo ayoneli tu kwaphela. Sinikise ngezizixhobo kuba sifuna iqhube le project abantu bayazi ukuba bathungelwaphi bangasokoli, sikwacela nabantu bayixhase le project kangangoko banako kuba ibengumbonk omhle lona xa abantu benayo imali ethile babonemabayihlanganise ukuze kuphume into sonwabile sisithi sakuhamba nabo de bayofikelela apho bafuna uyakhona,” utshilo uCeba uPlatyi.
Idolophu le ibonakala ichimile ngakubantu abavuka bazenzele kuba bakho abo balimayo nabavelisa umbona. Okwi Ofisi ka Sodolophu uMama uNomsa Dayisi uthi bayazamnkela izicelo kwaye kuvumelekile nokuba abantu bafuna ukuqala into yabo .Sihlaba ikhwelo nakubantu abatsha uba basondele kwi ofisi zethu siyafuna ukubabona bebheka phambili kuzokwehla nezinga lentswelangqesho, sikhuthaza nabo sebeqalile ukuba bangabisayeka imisebenzi inqabile ,” utshilo uDayisi. Umasipala ebambisene nenye yenkampani zakwa Dicla balunikezile uqeqesho kwabo bafuna ukulima nokufuya.


